IRhini ihlangabeza usuku lwamagugu namafa

Iinkondekazi zaseRhini namanye amalungu omphakathi kwimibhiyozo yesuntu lamafu namagugu esintu

Ibiluvuyo lodwa eAlbany
Museum
eRhini nge-23 kweyoMsintsi
nanjengoko bekubhiyozelwa inyanga yenkcubeko, amagugu namafa.

Iingoma, iintsomi, umxhentso nezibongo zezinye zezinto ezenze olu suku
lwabamnandi yaye lwakhumbuza abantu ebebezimase lo msitho ngemvelaphi yabo. Umsitho
okumila kunje awuqali ukubakho eAlbany kodwa kulo unyaka ude wathiywa negama,
kwathiwa yiHeritage Festival.

Le festivali iza kubanjwa minyaka le ukubhiyozela inyanga yencubeko,
amafa namagugu eMzantsi Afrika.
 Ngokokutsho kukaNozipho Madinda oyiEducation Officer eAlbany
Museum
, lo msitho
wenzelwe ukukhumbuza uluntu ngokubaluleka kwenkcubeko nobuni ukuze ubani nobani
azazi yaye azingce ngemvelaphi yakhe.

Inkqubo entsha ebizwa ngokuba yi-Isikhumbuzo ibiyinxalenye yalo msitho
yaye yona ijonge
  ukusebenzsisa ubuchule
bobugcisa ukuveza amabali ngembali yaseRhini neyoMzantsi Afrika uphela. Le
nkqubo iqale kulo nyaka yaye indima eyidlalileyo kule Heritage Festival iquka
umdlalo weqonga obufundisa ngembali kaGraham noMakhanda, umdlalo weqonga
obufundisa ngembali nokufika kombhoxo eRhini nomnye obubhekisele kukubaluleka
kokuzingca ngemvelaphi yakhe umntu.

UGqirha Nomalanga Mkhize oyinxalenye yeSikhumbuzo ufunde intsomi
ebithetha ngentsukaphi yeziduko, nalapho kuthe kwacaca ukuba iziduko ezininzi
zisusela kwizilwanyana. Le ntsomi ibikwabonisa ubudlelwane obabukho kwamandulo
phakathi kwabantu nendalo.

Omnye wabaququzeleli bale nkqubo, uNjingalwazi Julie Wells weSebe
lezeMbali
eRhodes
University
uthi inkqubo
yeSikhumbuzo izama ukukhuthaza yaye iqhubeka neengxoxo ezikhoyo phakathi
kweengcali zobugcisa neengcali zembali malunga nembali yedolophu iGrahamstown.

Uthi ezi ngxoxo zidlala indima ekupholiseni amanxeba afunyanwa luluntu
ngenxa yembali yocalucalulo eMzantsi Afrika. Utsho esithi iqonga elinikezwa
yinkqubo yeSikhumbuzo liza kuqinisekisa ukuba abantu abangathathi ntweni nabo
bazizityebi bayamamelana ukuze, ekugqibeleni kufunyanwe izisombululo ezizizo
zezinye zeengxaki ezijongene nesizwe ezifana nomba wokohluthwa komhlaba kubantu
abamnyama. 

UWells ubongoza amashishini, imibutho okanye nabani na onomdla ukuba
ancedise
  ngenkxaso-mali nanjengoko le
nkqubo yabo isakhasa yaye isasokola ngakwicala lemali. 
Amaxhego
namaxhegwazana akumakhaya abantu abadala eRhini ebesonwabisa nawo ngomculo wawo
omnandi. 

I-Amasango
Career School
neGraeme College

bezisonwabisa ngomculo weMarimba.
IN.V
Chewu Primary
School
ibisenza iimajorensi ze iC.M Vellem yenza
umxhentso.