IYunivesithi yaseRhodes izakube iwonga ngezidanga zobugqirha-lwazi kubafundi nabantu abakhethekileyo kwimisitho yothweso-zidanga yalo nyaka ezakube iqala ngomhla wama-20 ukuya kowama-22 kuTshazimpuzi ka2017 eRhini.
Phakathi kwabo bazakuwongwa ngezidanga zobugqirha nguGqr. Sheila Sisulu kwakunye noNjing. Barney Pityana.
UGqr. Sheila Sisulu uthweswa ngeDoctor of Law (LLD), ngoLwesihlanu, 21 Tshazimpuzi 2017 pha ngentsimbi ye 14:30.
UGqr. Sheila Sisulu wanikezela ngobutsha nobudala bakhe esilwela ukucinezeleka ingakumbi kwezemfundo. Ngaxesha-nye walwa norhulumente wobandlululo, wabe elungiselela isizukulwana esiselula uMzantsi Afrika wasemva kwexesha lengcinezelo. Umsebenzi wakhe oqaphelekayo ngulowo wayesebenza njenge-Deputy Executive Director yeHunger Solutions. Kule ndima, wenza iinzame zokuphucula isondlo kwanokuqinisekisa ngokhuseleko lokutya kuluntu olusweleyo kwilizwe jikelele.
Njingalwazi Barney Pityana uthweswa ngeDoctor of Laws (LLD) ngoMgqibelo, 22 Tshazimpuzi 2017 ngentsimbi ye-10h00 (kusasa)
UNjingalwazi Nyameko Barney Pityana wakhe wacaphula kumazwi athi; “Black men you are own your own,” ebhekisa kubantu boMzantsi Afrika phambi kokusungulwa kweBlack Consciousness Movement embindini yeminyaka yoo-1960, mbutho lowo wawusungula ekunye noSteve Biko.
Litshantliziyo elithetha ngokuphandle ngaMalungelo Oluntu, njengegqwetha nendoda kaThixo, uPityana ebethe gqolo ukuvakalisa amazwi ngokulwela idemokhrasi eyiyo eMzantsi Afrika ukuze yonwatyelwe nguye wonke ummi weli. Ngexesha lengcinezelo nokungazinzi kwipolitiki yeli wema kwelokuba: “Ukuze siyilwe imingeni yendlala, intswela-ngqesho, ezempilo, ezemfundo, imbuyekezo yomhlaba, ezoqoqosho, ikratshi, umsindo, sidinga amadoda namanina aphuphumala kukulunga, intembeko, inyani nothando.”
Ungumgxeki ophandle we-ANC phantsi kobunkokeli bukaMongameli Jacob Zuma – nomemelele ukwehla kukaZuma ekwasebenzisana nemibutho ephikisana neANC.
Ezinye izithwalandwe ezizakuwongwa ngezidanga zobugqirha-lwazi kule mpelaveki ziquka uGqr. Marguerite Barankitse (LLD), uMnu Linton Kwesi Johnson (DLITT) kunye noNjing. Penny Siopis (DFA).
Yintoni uMthetho oYilwayo weBELA?