Irhuqwe yatshiswa indoda eDelft

KAPA: INDODA yaseDelft eNtshona Koloni ifunyenwe itshoba lilele umbethe, itshe icala lobuso, ijinga ivili entanyeni kwibala elikwisitalato iCheesewood izolo.

Usapho lakwaRamotsabi luthi luvuswe sisikhalo sikaPhelang erhuqwa liqela lamadoda, bemtsalela emotweni emva kwentsimbi yokuqala ekuseni ngethuba elele kwityotyombe lakhe.

Luthi abahlali bathi uye walwa namanye amadoda ngelixa ebevela esimokolweni.

Ilungu lamapolisa okuhlala eDelft uLunga Velebhayi, uthe sibothusile esi siganeko kwaye basaphanda ukuba asinxulumenanga nokuthathela umthetho ezandleni na.

Uthe yagqibela kudala ukwenzeka into enje kule ngingqi.

“Sisathetha neetshomi zakhe, sizama ukuphanda ukuba ebengenazintshaba na okanye wakhe wamosha abantu mhlawumbi kudala. Siyathemba ukuba baza kusebenzisana nathi,” utshilo uVelebhayi.

Uthe ukuba liyinyani elokuba kukho abantu axabene nabo bayakwenza konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba bayabanjwa.

“Ukuba lo nto injalo bubugwala obukhulu obo. Awunakulinda umntu aye kulala xa uyindoda ze nimrhuqe ingakumbi xa emnye,” utshilo, esithi kungokunje basathuthuzela usapho.

ULukhanyo Mavata uthe umgqibele uPhelang esesimokolweni.

“Sive sele kusithiwa kukho umntu okhalayo kwiAvanza emhlophe. Siphumile, salandela umkhondo de saya kufika kwibala eliseCheesewood ngaku R300. Akhange sikholelwe xa sibona uPhelang etshe icala lobuso ejinga ivili entanyeni. Ihambisa umzimba indlela abulewe ngayo. Kwaye asimazi engumntu oneentshaba thina bamaziyo.”

Isithethi samapolisa uAndre Traut, uthe akukabikho mntu ubanjiweyo malunga nesi siganeko.

“Indoda eneminyaka eyi-25 ifunyenwe itshile itshoba lilele umbethe eCheesewood eDelft ngo 1:15 kwintseni yangeCawe.”