Isabhokhwe seANC siphefumla ngotyatyazo labafundi eQonce

Abafundi bezikolo zaseQonce kwisibhedlele, iGrey Hospital, emva kokutya umvubo obenze balunywa zizisu, bahambisa.

I-OFISI yesabhokhwe seANC kwindlu yowiso-mthetho eMpuma Koloni ithi ifuna kuthatyathwe amanyathelo kuye nabani na obandakanyeka kwisehlo sokulunywa notyatyazo labantwana bezikolo ezirhangqe iQonce.

 

Abantwana abaphuma kwizikolo eziquka iThambalethu Lower Primary yaseZinyoka, iJali High yaseQugqwala kwaneQugqwala Primary babetye umvubo njengenxalenye yenkqubo karhulumente yokutyiswa kwabantwana, emva koko balunywa.

 

Uninzi labantwana bezikolo kwanyanzeleka ukuba baleqiswe kwisibhedlele iGrey eQonce – abanye babo bangeniswa kwisibhedlele saseBhisho – bepenapena kukukreqwa sisisu.

 

Aba bantwana bathi la masi ayethengwe kwifama i-Innesfree Dairy ekufuphi neQonce. Ukulunywa kwabo kwabangela ukuba abanye abafundi bakaGrade 12 eJali balishiye phakathi iphepha lesiNgesi abebelibhala njengenxalenye yeemviwo zokuphela konyaka.

 

Isithethi kurhulumente waseMpuma Koloni uSizwe Kupelo wadiza ngelithi: “Iziphumo zovavanyo olwenziwe kula masi zidiza ukuba kukho ilindle kula masi. Asiyazi ukuba lisukaphi olu ngcoliseko, amagosa ethu asaqhuba nophando.” 

 

UMzoleli Mrara osisabhokhwe seANC kwindlu yowiso-mthetho yephondo uthi abo babandakanyeka kulo mkhwa wokutyisa kwabantwana la masi mabaziswe ngaphambili “kungenjalo bavulelwe ityala emapoliseni”.

 

Kodwa umnini we-Innesfree Dairy uthi akanakuvuma kungcoliswe igama le nkampani yakhe. “Sibe kolu shishino iminyaka elishumi elinesihlanu, zange sahlelwa yile nto. Umbuzo wam kukuba umphokoqo lo bekuvutywa ngawo ubuvavanyiwe na futhi izitya ezi bekuphakwa ngazo zona bezihlanjwe ngantoni,” utshilo umnini wale fama owalileyo ukuzithi khankqu ngegama. 

sithandiwe.velaphi@inl.co.za