Ingaba ukhe weva ngembongi yooZibula uLinda Magazi? Ukuba akunjalo awukeva ngebali legqiyazana elizingca ngolwimi lwesintu, ingakumbi kuncwadi nemibongo yesintu.
UMagazi yinzalelwane yakuCofimvaba kwilali iNdungwane kodwa okona kwenze le nzwakazi ingapheli kwimilebe yabathandi bemibingo yakwaNtu noncwadi sisakhono sayo sokusebenzisa usiba ngendlela ekhethekileyo.
Oku kubangelwe kukuzibandakanya kwale mbongi yosiba nequmrhu iMasibhale Chris Hani Writers Association eliphantsi kwesebe lezemidlalo, ubugcisa nenkcubeko.
Kudliwano ndlebe nephepha ndaba I’solezwe lesiXhosa, imbongi yooZibula uMagazi uthi, lidubule ngethuba esesikolweni inyange lesihobe.
“Ndiyimbongi yosiba, kudala ndibhala, kodwa ndizokuqiniseka xa bendikwisikolo samabanga aphezulu iSt James eCofimvaba. Ndibhala amabali amafutshane, kwaye ngoku ndigqibezela nenoveli yam ndikwabhala nemibongo ngolwimi lesiNtu,” utshilo uMagazi.
“Ndincedakele ikakhulu ngethuba ndizimanya nequmrhu lababhali kwingingqi yeChris Hani elaziwa njengeMasibhale Chris Hani Writers Association, kulapho ndidibene nababhali abangoompondo zihlanjiwe abafana nomfundisi uMhlontlo.”
UMagazi ukhe wangenelela ukhuphiswano lwababhali elaziwa njengeChris Hani Mini Word Fest apho aphume emagqabini esithiwa jize ngeKhompyutha kwanembasa yegolide.
Ngo2014 ukhethwe njengombhali omncinci ogqwesileyo lisebe lezemidlalo, inkcubeko kwanophuhliso, waze wathiwa jize ngekhompyutha, iprinter kuquka nothotho lweencwadi zesiNtu. Le nzwakazi ivele amatyeli amane elandelelana kumnyhadala wenkcubeko nobugcisa eRhini.
“Ngo2011 ndagqiba kwelokuzibandakanya nesikhululo iLukhanji FM ekomani njengonondaba wesixhosa, ndisenza nenkqubo yolutsha Ikhaya Lothando,” utshilo uMagazi.
Kungoku nje le nzwakazi yinkxalenye yesikhululo iVukani FM eCala apho asebenza khona njengonondaba wolwimi lesiXhosa, kwaye imbongi yooZibula uMagazi ukhe wavela kumfanekiso bhanya- bhanya owaqulunkqwa kuKomani othi “Isitabane”.
“Olona ncedo ndiludingayo ngoku kukupapasha zonke iincwadi zam kuquka nemibongo esele ndiyibhalile, kuba azikho iindawo zokupapasha apha kule ngingqi yeChris Hani.”
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika iza kufika ngoLwesine