ISE ngunam nawe into yomvuzo wotishalakazi wethutyana kwisikolo samabanga aphantsi iLuphiyana phantsi kwengingqi yesebe lezemfundo laseMaluti.
UNtombifikile Mali waqeshwa kwesi sikolo ebutsheni bonyaka ophelileyo ukuya ekupheleni kukaMeyi. Kudliwanondlebe neli phepha-ndaba uthe: “Ndandinesiqinisekiso seDiploma emculweni, kodwa umvuzo wam wabe ulingana nowomntu onebanga nje leshumi. Ndathi ndisokwenza eso sikhalazo umvuzo wam wanqunyanyiswa kuba kuseza- kulungiswa lo ngxaki.” UMali uthi uquqe ebuyelela kwisebe lemfundo laseMaluthi, exelelwa ukuba kusalindwe ingxelo eza kuvela kundlunkulu wesebe eBisho.
“Ndancame ndacela iinombolo zase Bisho kodwa nalapho andafumana sisombululo,” utshilo okaMali. Kungoku nje uMali sele eseKapa nalapho aphinde wafumana omnye umsebenzi wethutyana.
Uphinde watyhola isebe lemfundo laseMaluti ngokwala ukumnceda xa bekufanele limnike into esisiqinisekiso sokuba ukhe wangutitshalakazi olibambela.
Isebe lezemfundo eBhisho lithe alinalwazi luphangaleleyo ngalo mba. Isithethi sesebe uLoyiso Pulumani uthe, balinde ingxelo ebanzi kumlawuli wezemfundo eMaluti uLungelo Mphatyana.
OkaMphatyana utyhole abasebenzi abasebenza ngemiba yengqesho ekhokelele kwixesha elide lokufumana isisombululo sale ngxaki.
UMphatyana uthe: “Isiqinisekiso seDiploma kaMali sathunyelwa ePitoli ngenjongo yokuhlolwa ukuze simbeke kuluhlu olumfaneleyo, ngelishwa zange ilandeleleke.” OkaMphatyana uthi aba basebenzi bajongene nemiba yengqesho zange bamazise de kwangenelela undlunkulu wesebe.
“Ndithethile naye uMali, sele simlungiselele ileta efuneka eNtshona Koloni, siza kuyilungisa nale ukuze afumane imali yakhe ngokukhawuleza.” NokaMali ungqinile ukuba sele beqhakamshelene naye kodwa usalindile.
UMzantsi Afrika uza kongamela iG20: Kuthetha ntoni oko?