Isamile kwiR12 500 iAMCU

NGUNYAKA wesine lo, imanyano yabasebenzi mgodini iAMCU ingena ezingxoxweni zemivuzo ngemvulamlomo yemali eyiR12 500, yeerandi koyena msebenzi uphantsi ngenyanga.

Leli nani elakhokelela kugwayimbo olunobundlobongela ngo2012, nelafikelela kwisiganeko esihlasimlisa umzimba saseMarikana. Abasebenzi abangamashumi amane anesine babhubha ngethuba lolo gwayimbo.

Amashumi amathathu anesine kubo adutyulwa ngamapolisa ngomhla we16 ka-Agust kuloo nyaka. Nango2014 le manyano yabhenela kugwayimbo olwathatha ixesha elide, ikwanyanzelisa umvuzo weR12500 kwabona basebenzi baphantsi kwimigodi yePlatinam.

Nakulo nyaka, le manyano izakuqala iingxoxo kwicandelo lePlatnam, isemi kwiimfuno zokuba oyena msebenzi uphantsi afumane intlawulo yeR12500, emva kokuba isivumelwano seminyaka egqithileyo sifikelele esiphelweni. Umongameli weAMCU uJoseph Mathunjwa uthe, “Sisemi kwi12500 kuba ayikade iphunyezwe.”

Kwincwadi ebhalelwe iinkampani zemigodi yePlatinam iLonmin kwakunye neImpala Platnum, nekukho phantsi kwayo iAngloplats, kwakunye neImpats iAMCU idize ukuba ifuna iR12500 kubasebenzi abarhola phantsi, ngelixa abo barhola phezulu ifuna uchatha weshumi elinesihlanu leepesente. Ukususela kugwayimbo lango2012 nelakhokelela kunyuselo mivuzo ngamawakawaka wabasebenzi abathe balahlekelwa yimisebenzi kwimigodi yePlatinam.

Phakathi kukaJulayi wonyaka ophelileyo ukuya kuEpreli walo nyaka iLonmin idende malunga ne-5, 183 yabasebenzi. Kungoku nje babalelwa ku32 632 abasebenzi mgodini kule nkampani.

Bangaphaya kwe14 000 abadedwe yiAmplats kule minyaka idlulileyo. Kodwa uMathunjwa uthi oku akunanto yakwenza neemfuno zemivuzo ephezulu yabasebenzi.

Endaweni yoko uMathunjwa uthe, ukudendwa kwabasebenzi kwicandelo lePlatinam kubeka ezi nkampani endaweni entle yokumelana nexabiso lemivuzo efunwa ngabasebenzi abaphantsi kwale manyano.

“Kufanele sidlule kwinto yokoyamanisa iimfuno zemivuzo efanalekileyo nokulahleka kwemisebenzi, ingxaki esijongene nayo yeyoqoqosho elingayiphumeziyo iminqweno yabasebenzi,” utshilo okaMathunjwa. Iinkampani zemigodi zithe, kusekusasa ukuba ziphefumle.