Kumazwe amaninzi ehlabathi, xa kuthethwa ngabo basebenzileyo ukulwela inkululeko kubakho abo bashiywa ngasemva, amagama wabo engabalulwa. UMaggie Resha sesinye zezangxa kumzabalazo wenkululeko yeli ethe yangena phakathi kwenkabi inikisa ngobomi bakhe.
Njengazo zonke iinkokheli zombazalazo, uMaggie Resha uphuma kwikhaya elingaphucukanga eMatatiele, kufutshane nolundi lweentaba zaseLesotho.
Ubonakalise ubukrelekrele kwangoko kubomi bakhe bobuntwana, equlethe iimpawu zenkokheli. Uzimanye nombutho weANC esemncinci kakhulu, wanethamsanqa lokuphahlwa ziinkokheli ezinefuthe.
UResha ubhale incwadi ethi, ‘My life in the struggle,’ edalanca ibali lobomi bakhe kumzabalazo wenkululeko yeli.
UResha uphuma kusapho olumnombo walo ophuma kanye kuKumkani uMoshoeshoe wesizwe sabeSuthu aBafokeng. Nangona usapho lwakhe luphuma kwisizwe esinobukhosi kodwa uyise mkhulu wadibana nefuthe labefundisi walikholwa.
Kule ncwadi ethethe ngobomi bakhe ubalisa ngokucacileyo ngosapho lwakhe. “Ndizalwa kusapho olunabantwana abalithoba, ndizelwe ndakhulela kusapho olunabantu abaninzi, kuba nabakulo mama abantu bebekhulela ekhaya,” kutsho uResha.
UResha uqale izifundo zakhe kumaziko afana neHoly Cross efunda kwamakazi wakhe. “Ngo1939 ndaqala ukufunda amabanga aphakamileyo eMonti apho ndafunda izifundo eziquka isiNgesi, isiXhosa, isiLatini, iBiology nezinye izifundo, eso yaba sisiqalo sokukhula kwam kwezemfundo,” kucacisa uResha.
UResha ugqithe kwizandla zezangxa zeenkokheli ezifana noEbenezer Majombozi njengetitshala yakhe. “Ukufika kwam eFort Hare ndihlutshezwe kukubona imifanekiso yamaqhawe afana noWalter Rubusana, Mapikela, Godlo nezinye iinkokheli, ndatsho ndaziqonda ukuba ndifike kwelona ziko,” kutsho uResha.
Ngo1942 uResha uqalise uqeqesho lokuba ngumongikazi nekwathi kamva waqhubeka esebenza njengomongikazi.
UResha uhambe kumazwe amaninzi ehlabathi ngenxa yegalelo lakhe kumzabalazo wenkululeko njengelungu lombutho weANC. Inyanga ezayo, inyanga yeThupha, yinyanga yokukhumbula igalelo lamanina kuzwelonke, ingakumbi abo badlala indima kumzabalazo.
Ixhwele laseKZN noonyana balo ababulala indoda baza kufaka isicelo sebheyile