UKUBEKA phambili iimfuno zabafundi linyathelo elilandelayo leSASCO, kulandela impumelelo yayo yokukhokela kwiYunivesithi yaseFort Hare.
Usihlalo walo mbutho kuzwelonke uThembani Makata, ithemba labafundi kwiSASCO lelokuba izakukhokela ukufezekisa iimfuno zabo ezingaphunyezwanga lulawulo lweDASO kule yunivesithi ngonyaka ibikulawulo.
UMakata uthe, “Sivuya kakhulu ngenkxaso abafundi abathe bayibonakalisa kuthi, nokusimamela xa sicela ukuba baphinde basiphe elinye ithuba lokubakhokela.”
Lo mbutho uzakonyula umongameli nosihlalo kubagqatswa abahlanu uBulali Rhawana, uBathabi Gijana, uSithenkosi Lungisa, uIsasiphile Mdingi, kwakunye noZizipho Malindi. Phambi konyulo, inkokeli yeDASO uYusuf Cassim utyhole abalawuli beFort Hare ngokuphepha ukunika inkcaza ngendlela esetyenziswe ngayo imali kweli ziko.
UCassim uthe, iFort Hare izakuvela kwikomiti ejongene nemfundo ePalamente emva konyulo lweSRC kuba inethemba lokuba xa kuthe kwaphumelela iSASCO izakubakhusela.
UMakata uthe, abazimisele kukhusela ulawulo lwale yunivesithi kwimiba ethinta iimfuno zabafundi.
Uqhube wathi, “Izityholo zeDASO ezinasihlala, ibizama nje ukuphumelela unyulo.” Ukanti uCassim uthe, noxa bengaphumelelanga ukulawula kule yunivesithi, iziphumo zibonakalisa ukukhula kwisebe leFort Hare eliseMonti.
UCassim uthe, nangona iDASO izamkela iziphumo, iyakhwina ngezinto ezithile eziquka ukungasetyenziswa kwequmrhu lonyulo elizimeleyo, i-IEC, “IFort Hare isebenzise inkampani ezimeleyo esingazange sayiva ngaphambili, bekukho impazamo kuluhlu lwabafundi. Siyayazi, nokuba, ulawulo lwale yunivesithi belibongoza abafundi ukuba bavotele iSASCO, begrogrisa abo baxhasa iDASO.”
IDASO ikwathe, iceba intsebenziswano nePASMA ukuze babambisane ekuqinisekiseni ukuba iSASCO ayirhwaphilizi mali eyabelwe iimfuno zabafundi.
IPirates isekhondweni lokukhusela iNedbank Cup kwakhona