Isazisi sithi ndabhubha ngo2009

UNothini Komna ephethe isazisi angakwazi kusisebenzisa umfanekiso: Buziwe Nocuze

Idandathekile inkosikazi yaseKhayelitsha eKapa kulandela ukungakwazi ukusebenzisa isazisi (ID) sayo kuba siveza ukuba yabhubha ngo2009.

Le nkosikazi nenguNothini Patricia Komna noneminyaka engamashumi amathandathu anesihlanu ubudala, ixelele I’solezwe ukuba yothuka yaphants’ukufa ngethuba ifumanisa ukuba ngokwesazisi sayo sele yalandulela eli.

“Esi simanga ndiqale ukusiva ngethuba ndizama ukuvula iakhawunti kwenye yeevenkile. Usisi owayendinceda waye wathatha isazisi sam kodwa okwandothusa kakhulu kukundixelela ukuba sithi ndabhubha kudala,” utshilo uKomna.

Uqhube wathi ngosuku olulandelayo waye wandwendwela iofisi yesebe lezeKhaya nalapho bafika bamxelela into efanayo naleyo ebeyixelelwe evenkileni.

“Kwisebe lezeKhaya bandixelele ukuba ngokwesazisi sam ndibhubhe ngo2009 ndibhubhela eMonti, kodwa isimanga ndihlala eKapa nangona ndinazo izihlobo eziseMonti kodwa andibhubhanga,” utshilo uKomna.

Uqhube wathi akazi ukuba kufanele enze ntoni kuba kudala esehla enyuka ezama ukutshintsha le mpazamo yenziwayo kodwa kunzima.

“Abasebenzi besebe lezeKhaya bandihlisa bendonyusa abade bandincede tu, kwaye ndidiniwe kuba xa ndinokubhubha nyani usapho lwam lungaxakwa kukundingcwaba kuba ndiza kube ndingenaso isazisi,” utshilo.

Lo kaKomna bengcwaba unyana wakhe ekuqaleni kwalo nyaka kwaye akakwazi ukufumana izinto ngenxa yesi sazisi sithi wabhubha.

“Ebhubha nje unyana wam naye kudala ezama endincedisa ukulungisa le nto yokubhubha kwam ndiphila kodwa khange ndincedakale, into abayenzayo bandihlisa bendinyusa.”

Uqhube wathi umnqweno wakhe kukufumana isazisi esitsha kwaye uyafuna ukwazi ukuba ngubani na lo wabhubhayo endaweni yakhe.

“Andifuni kuxoka ndithi ndiyayazi ukuba kwenzeka ntoni na kodwa into yokuba nesazisi ongasisebenzisiyo kuba sisithi wabhubha kuyafana nokuba awunaso kuba asisebenzi,” utshilo uKomna.

Watsho esithi isebe malikhawulezise limncede kuba ukungabi nasazisi kwenza ubomi bakhe nzima kwaye akasakwazi nokulala.

Isithethi sesebe lezeKhaya uThabo Makgola uthe sele ethumele kwiManejala yephondo leNtshona Koloni malunga nalo mcimbi kaKomna ukuba kujongwe ukuba ungalungiswa njani na.