Isaziso: IKumkani FM ikhangela iimbongi

I-Kumkani FM ishiyeke nenyanga enye kuphela ibe nomnyhadala womculo weHip Hop kweli phondo leMpuma Koloni, nozakube ubanjelwe eBuffalo City Stadium ngomhla we-11 kweyeNkanga.

Ukanti kulo mnyhadala kuzobe kubhiyozelwa iimvumi nabaqambi bomculo weHip Hop nabaquka iimbongi.

Lo mnyhadala uza kubonisa abantu ukuba iphondo leMpuma Koloni linako ukusingatha itheko elikhulu nje ngeli.

Kulo mnyhadala kuzobe kukho neseshoni apho iimbongi zengingqi zizakube zinikwa ithuba lokubonakalisa iziphiwo zazo.

SiyiKumkani FM sibiza sikwabongoza zonke iimbongi ezinomdla wokuthatha inxaxheba kulo msitho njengoko zizokufumana ithuba lokubonisa ngomsebenzi wazo ebantwini.

Ngoko kububulumko ukuba zonke iimbongi ziwuxhase lo mnyhadala kuba nazo zizokuxhamla koku. Kwiimbongi zaseMonti eli lithuba lenu lokubonisa italente eninayo.

Zonke iimbongi ezinomdla zingaqhagamshelana nale nombolo: 079 079 7945 okanye ku events@kumkanifm.co.za ngaphambi kosuku lwe-31 kule nyanga imiyo.