ISAZISO: Izihlobo zamaThala zicela iincwadi

Abahlali nabazali baye bachukunyiswa kukuva izinga lenani labantwana ekunzima ukufunda iincwadi ndawonye namaphepha eMzantsi Afrika.

Ootitshala abaxakene nale meko basungule umbutho “Wezihlobo ZamaThala” ngo2017 oyiNPO, ongowokuqala eBuffalo City emva kweyayikho isekwe ngamagxagxa.

Injongo kukuncedisana namaThala ekuwasondezeni eluntwini noluntu luwakhusele luwaxhase lungawatshisi xa kukho imigushuzo yokunganeliseki ziinkonzo zikarhulumente.

Ukukhuthaza ukufunda nokufunxa ulwazi nobulumko ezincwadini. Ukukhuthaza kokubhalwa kwembali namabali asekuhlaleni ngolwimi lwethu.

Ukusetyenziswa kwamaThala njengamaqonga okuphanda ulwazi nokuhlangana ngamacebo ophuhliso ekuhlaleni.

Sikhuthaza ootitshala abadla umhlalaphantsi nabo basondele ekuxhaseni kweli phulo. Licandelo ke eli esibone ukuba urhulumente unezikroba ezifuna ukuvalwa. Sibone ukuvala esi ke isikroba ukuze liphucuke izinga lemfundo.

Sikwiphulo ke lokucela iincwadi eluntwini. Ngencwadi enye bungatshintsha ubomi bomntwana. Ikamva labantwana lixhomekeke ebazalini nakubahlali.

Ikhwelo ke lityala! Sakuvuyiswa ligalelo lenu. Mna, Mike Pantsi, ndingumseki nosihlalo walo mbutho. Onokusinceda ngeencwadi anganxulumana nathi ku: 0822306849 okanye

mikepantsi2@gmail.com