Isebe lakwaFNB eLibode lisavaliwe emva kokuhlaselwa ngoonqevu

Isebe lakwaFNB eLibode elivaliweyo. Umfanekiso: Uthunyelwe

Mthetheleli Mazwai

Isebe lebhanki iFirst National Bank (FNB) eLibode, eMpuma Koloni, lisavaliwe ukusukela oko lahlaselwa ngoonqevu kunyaka ophelileyo kwinyanga yoMnga.

Aba nqevu abagqugqisayo kule dolophu baqhekeza kwaye baqhushumbisa oomatshini bokukhupha imali (ATMs).

“Siyasokola ngoku thina abasebenzisa le bhanki, siyarojwa ngootsotsi kwaba matshini bemali bakwaFNB kuba asibazi ukuba basetyenziswa njani.

“Ngoku kunyanzeleka siye eMthatha siyokwenza iinkonzo okanye sifole phantse imini yonke apha ezivenkileni ukuze sikhutshelwe imali (cash back),” kutsho umakhulu uNontombi Sukude waseQhanqhu.

Indoda engakhange ifune ukuchazwa igama layo esebenza kwaSpargs Spar ekwisakhiwo esinye noFNB, uthe, “Thina esipeya ngaye sesiphila ngoocash back ngoku, kodwa sinyanzeliswa ukuba siqale sithenge phambi kokuba senzelwe loo cash back.

“Xa unengxaki efana nokuba ikhadi lityiwe ngumatshini, kunyanzelekile ngoku ucelile emsebenzini uye eMthatha, loo nto ke ithatha usuku lonke.”

ILibode ibisematheni kutshanje ngeendaba ezimbi zobusela kusetyenziswa izixhobo ezifana nemipu emikhulu, isabile neziqhushumbisi ngoonqevu balapha.

USpargs Spar okufutshane noFNB waxhonyiswa ngamadoda angaziwayo kwathathwa isixa semali esingachazwanga kunye nokutya, imidiza notywala.

Kwabanjwa amadoda amabini ngeso sehlo, kodwa ke akukabanjwa mntu ngesi sokuqhekeza nokuqhushumbisa ibhanki.

Ngoku kushiyeke ibhanki yakwaABSA kuphela eseBokleni Mall, yona ke ikhuselekile kuba kukho oonogada kule ndawo ebusuku.