Iqumrhu elizimeleyo elikhuthaza kwaye linyanzelise amalungelo okhuseleko lolwazi lomntu eMzantsi Afrika, i-Information Regulator (IR), lithintele iSebe leMfundo esiSiseko ekupapasheni iziphumo zebanga leshumi okanye ezematriki kumaqonga oluntu.
I-Information Regulator ithe jizi iSebe leMfundo esiSiseko ngesaziso esithintela ukupapashwa kweziphumo zebanga leshumi kumaqonga oluntu aquka amaphephandaba kunye neebhodi zezaziso zezikolo.
Kwingxelo yangoLwesibini, i-IR ithe izenzo zeSebe azihambelani namagatya oMthetho woKhuseleko loLwazi loMntu (Popia).
“ISebe leMfundo esiSiseko linikwe isaziso sokuthotyelwa nge4 kuNovemba emva kovavanyo lwe’Information Regulator malunga nokuthotyelwa kwePopia liSebe,” itshilo i-IR.
Eli qumrhu liqhube lathi, “I-Information Regulator ifumanise ukuba iSebe alihambelani neCandelo le11 lePopia kwaye laphule imiqathango yokusetyenzwa ngokusemthethweni kolwazi lomntu ngokusilela ukufumana imvume yokupapashwa kweziphumo zebanga leshumi kubafundi ababehlalele iimviwo zonyaka uphelileyo, i2023 National Senior Certificate.”
Ithe akukho zizathu zisemthethweni zokuba iSebe liqhubeke nokupapasha iziphumo zebanga leshumi kumaphephandaba. Endaweni yokuba zipapashwe, ithe iziphumo mazinikwe umfundi ngamnye ukuqinisekisa ubumfihlo, kuquka ukufumana iziphumo ngqo esikolweni okanye ukuzifumana ngomyalezo oya kwifowuni.
ISebe liye labongozwa yi-IR ukuba licele imvume yabafundi abaza kubhala iimviwo zematriki zika2025, okanye abazali okanye abagcini babo, ukujonga ukuba zingapapashwa na iziphumo kumaphephandaba. ISebe likwabongozwa ukuba liqulunqe inkqubo yokufumana imvume kubafundi okanye kubazali babo.
“I-Information Regulator iyalele ukuba iSebe mazingapapashi iziphumo zabafundi bematriki ka2025 ukuba imiyalelo yesaziso sokuthotyelwa ayithotyelwanga,” itshilo i-IR.
ElaseTopiya lihamba phambili ngeenkomo eAfrika