Isebe lezemfundo lithetha ‘ubuxoki’

Abafundi kwisikolo iEnoch Mamba kwilali yaseLota eDutywa kumagumbi okufundela angekho semgangathweni Umfanekiso: BHEKI RADEBE

ISEBE lezeMfundo eMpuma Koloni lithetha “ubuxoki” xa lithi uxanduva lokwakhiwa kwesikolo iEnoch Mamba Technical Institute eLota eDutywa, luthwaliswe iqumrhu lezophuhliso elizimeleyo likarhulumente iIndependent Development Trust (IDT).

Kwiveki ephelileyo, I’solezwe libike ngemeko embi yesi sikolo apho abafundi abangamakhwenkwe bezithuma ethafeni ze ootitshala benze imiqodi ukuya kungena elalini xa kufike ixesha lokuphendula indalo okanye ukuya ngasese.

Le meko, ngokokutsho kwabafundi, ichaphazela ixesha lokufunda nokufundisa nanjengoko bethatha ixesha elide ukuya nokubuya ethafeni.

Ngonyaka ka2016, kwatshona umfundi oyintombazana kwindlu yangasese yesi sikolo, nto leyo eyabangela ukuba lo mfundi angaze aphinde alibeke kwesi sikolo kuba wayesoyika ukuhlekwa.

Usihlalo webhodi elawula (SGB) esi sikolo uCharge Office Phika uthi esi sikolo basakha ngo1994 bengabazali. UPhika uthi noko lide ithuba belinde ukuba sakhiwe esi sikolo. “Akukho ndawo singayihambanga sifuna ukwakhelwa esi sikolo kodwa hayi akukho mntu ude asimamele.”

Ngethuba I’solezwe libuza kuMali Mtima, isithethi sesebe lezemfundo ephondweni, malunga nezizathu ezibangele ulibaziseko kumsebenzi wolwakhiwo, lo kaMtima uthe uxanduva lokwakhiwa kweEnoch Mamba balunikeza kwiIDT.

Kodwa abakwaIDT bathi ngamampunge lawo. “Ulwazi enilinikwe lisebe alunyanisekanga,” utshilo othethela abakwaIDT uThabisile Dlomo.

“AbakwaIDT abazange bachongwe lisebe lezemfundo eMpuma Koloni ukwakha iEnoch Mamba Technical Institute. Andiyazi ukuba kutheni besusa uxanduva belusa kwiIDT, kuba akuzange kwabakho sivumelwano phakathi kwethu nesebe malunga nomba wokwakhiwa kwesi sikolo,” utshilo uDlomo.

AbakwaIDT banoxanduva lokwakha iziseko nemigangatho yamasebe karhulumente, kodwa kufuneka kubekho isivumelwano nembalelwano esuka kwisebe lezemfundo phambi kokuba benze oko.

Ngethuba sibalisela uMtima okuthethwe yiIDT, lo kaMtima uthe olu lulwazi alunikwe ngumlawuli wesithili iAmathole East, apho iEnoch Mamba Technical Institute ikhoyo.

Kusenjalo, abafundi besi sikolo babalise intlungu yokuzithuma ethafeni ngethuba betyelelwe liphephandaba I’solezwe kutshanje.

Umfundi kaGrade 11 uMihlali Makhangela uncokolele I’solezwe ekunye nabanye abafundi kwithafa elikufuphi nesikolo apho inkungula yabafundi abangamakhwenkwe baye bagcwale khona ukuya kuzithuma. Oku kungokuba indlu yangasese inye jwi eEnoch Mamba, kwaye isetyenziswa kuphela ngamantombazana.

UMihlali uthe: “Le meko isiphatha kakubi, isithobela isidima. Nokuba sekubanda, kufuneka size kweli thafa. Mininzi imizuzu esiyichitha ukuza kweli thafa. Yintoni le ibangela ukuba urhulumente angasakheli isikolo?”

Yena uSonge Molose, owenza uGrade 11, uthe: “Ukuba kuyana, siza kweli thafa. Noko ayonto intle le. Ngamanye amaxesha, uphuma kwigumbi lokufunda uphisiwe uze apha, xa ufika iphelile lo nto ngenxa yomgama.”