ISebe lezeMpilo liyabongozwa ukuba lenze amaziko ezempilo akhuseleke

ISebe lezeMpilo liyabongozwa ukuba lenze amaziko ezempilo akhuseleke. Umfanekiso: Doha News

Umbutho wabasebenzi bakarhulumente (PSA) eMzantsi Afrika ufuna amanyathelo angxamisekileyo kwiNtloko yeSebe kunye noMphathiswa wezeMpilo eMpuma Koloni ukuze kuqwalaselwe iingxaki zokhuseleko kumaziko ezempilo.

Oku kuza emva kophango kuxhotyiwe olwenzeka kwikliniki yaseMax Madlingozi eNelson Mandela Bay ngomhla we19 kweyeNkanga 2024 apho abasebenzi basekliniki baphangwa izinto zabo kwaza kwaqweqwediswa isithuthi sabasebenzi ngoonqevu ababalekayo.

“Esi sehlo sibikwe kubaphathi bekliniki namapolisa. I-PSA iyayincoma impendulo ekhawulezileyo yamapolisa, nethe emva kokuleqa aba nqevu, yakhokelela ekubanjweni komrhanelwa omnye, kwadutyulwa abarhanelwa ababini ngethuba betshintshiselana ngeembumbulu,” itshilo iPSA.

I-PSA ikwagxininisa imfuno engxamisekileyo yongenelelo kwaye bathi bangalamkela inyathelo laBaphathi beSithili ukulungiselela intlanganiso nabachaphazelekayo, kubandakanywa amaqela okhuseleko kunye noluntu lwasekuhlaleni, ukujongana neenkxalabo zokhuseleko.

Kuthiwa ikliniki apho kwenzeke khona esi senzo solwaphulomthetho ivalwe okwethutyana ukuqinisekisa ukuba abasebenzi bayakwazi ukufikelela kwiinkqubo zololuleko ukuze baphile kumothuko obangelwe sesi sehlo.

“Ngelixa iPSA iwabulela la manyathelo akhawulezileyo, le manyano iphinda ihlaba ikhwelo layo lokuba kuqwalaselwe inkqubo yokhuseleko lwabasebenzi bakarhulumente.

“AbaPhathi beSithili saseNelson Mandela Bay bayabongozwa ukuba baphuhlise kwaye baphumeze isicwangciso sokhuseleko esibanzi, esibandakanya ukunikezelwa kwamaqela asabelayo okhuseleko kufutshane namaziko amakhulu kunye neendawo ezinolwaphulomthetho.

“Amanyathelo alolu hlobo abalulekile ekuthinteleni iziganeko ezikumila kunje nokukhusela amaziko karhulumente, asoloko esisisuli soonqevu,” itshilo iPSA.