Isebe lezoluleko lolule ingalo yalo

Badele loo mvula ibingenasiqabu abantu abadala abakhubazekileyo abebephuma eMdantsane ngethuba bengungelene kwikhaya iThe Heaven Wellness Centre eParkside eMonti izolo, nalapho bebeyokwamkela izitulo zokuhamba (wheelchairs) abebeziphiwa lisebe loluleko libambisene nebhanki yakwa Nedbank.

Nangona nje bengaphumelelanga bonke abo bekulindeleke ukuba baxhamle, abo bebekhona bona babonakalise uvuyo sesi sipho.Oxhamlileyo utatomkhulu uWelcome Matanjana waseMdantsane ubonakalise uvuyo sesi sipho. Obehamba noMatanjana uCwayita Kumbula uthe: “utata uyaqala ukubanayo iwheelchair ebomini; akazange abe nayo kungoko umbona engathi unazo nenyembezi uzama ukubonakalisa ukubulela, sizakutsho siphumle noko. Akasenaye unkosikazi sele eshiyeke nathi bantwana.”

Utamkhulu uMatanjana kuthwa ungumntu osoloko esebhedini ngalo lonke ixesha lakhe, xa esiya eklinikhi okanye edolophini ukuya emotweni uyafunqulwa. Ukanti nabanye abebengaphakathi ententeni abadele lo mvula bebezivuyela ezi zitulo.

Umkomishinala wengingqi yaseMonti kweli sebe loluleko uMamokele Mogorosi nesifike sele etyisa abantwana kweli khaya isuphu eshushu, uvakalise ukuba le migushuzo bathe bayenza ngolu suku iyinxalenye neenkumbulo zokubhiyozelwa kukaRholihlahla Mandela kwaye bakhumbula nemisebenzi yakhe.

“Sichukunyiswa yenye yentetha zikaMadiba ethi, ukuze yena onwabe abenoncumo ebusweni bakhe kukuba abone abo bantu abangathathi ntweni bekhathalelwa kwaye bexhamla. Nathi sikwelophulo kungoko siye sakwiphulo lokukhangela abo basokolayo sibahlekise nabo,” utshilo uMorogosi.

USimon Rensberg ongusihlalo we-The Heaven Wellness Centre eParkside uthi babamba ngazo zozibini kweli sebe kwakunye no- Nedbank ngale nto ingaka bayenzileyo uthi abangekhe bakwazi ukusebenza bodwa nanjengoko esithi bahleli benentsebenziswano emandla neli sebe ukusukela ngonyaka ka-2006.