Isebe lezothutho ephondweni leMpuma Koloni limema abantu abanomdla ukuba bafake isicelo kwiibhasari ezingamashumi amathathu.
Abo bathe baphumelela bazakufumana ithuba lokuba bafunde isigxina kula macandelo alendayo ezemfundo nasondeleyo kwezothutho:
ND Transport Economics & B Com Honours -Transport Economics (5)
ND Maritime (5)
· Traffic Diploma (20)
Kuzakunikwa ingqwalasela abantu abagqwesileyo ngokwe- zifundo zabo nekubonakalayo ukuba bayayidinga imali, kwaye babe abafumani nkxaso kwezinye iibhasari.
Abafaka izicelo kufuneka babe bathathiwe ziiyunivesithi kwaye bafake ubungqina obunjalo.
Kwaye umfundi kufuneka abe ufumene mayelana nolevel 4 kwizifundo zeMathematics kunye nescience.
Ingakumbi kwelo candela umntu afaka isicelo kulo. Kwizifundo zeDiploma yeTraffic kuzakujongwa ngamandla abafundi abenezi zinto zilandelayo, nezifunwayo ekholejini:
Iminyaka engaphantsi ko35
Isatifiketi sebanga leshumi
Ilayisensi yokuqhuba
Isatifiketi sempilo
Isatifiketi esisuka emapoliseni
Iifomu zokufaka isicelo sebhasari zingafunyanwa kwaye ziphinde zibuyiselwe kwisebe leHR kwii-ofisi zezithili ezahlukeneyo.
ALFRED NZO: Nkosazana N. Somhlahlo 039 – 2546413 Ngqubusini Street, Mount Ayliff (behind Alfred Nzo District Municipality) Office no. 48
AMATHOLE: Nkosazana N. Maqanda 043 – 7046656 Corner of Caxton Street and Cambridge Street, Daily Dispatch Building, East London
CACADU: Mnu K. Senekal 041 – 5082913 51 Govan Mbeki Avenue, Absa building, Office no. 129
CHRIS HANI: Mnu. D. Gunxe 045 -8073752 92 Cathcart Road, Sanlam building, Queenstown, Office no.216
JOE GQABI: Mnu S. Guga 051- 6332871 29 Queen Terrace Street, Aliwal North
O.R. TAMBO: Mnu P Madikizela 047- 5018853 Botha Sigcau Bldg, Corner Owen & Leeds Street, 7th floor
HEAD OFFICE: Nkosazana Z. Sityebi/ Mr M. Charlie 043 -6047442/ 527 Office no. B62, 32 Cowan Close, Stellenbosch Park, Schornville, King Williams Town 5600.
Izicelo zivuleke ukusuka nge15Disemba 2015 ukuya kwi-28Januwari 2016, izicelo ezingagqitywanga okanye ezifike emva kwexesha azizukujongwa.
Abafaka izicelo bayacelwa ukuba bahambise izicelo zabo kunye neekopi zezazisi, ubungqina bokuba bathathiwe kumaziko emfundo ephakamileyo, iziphumo zamva nje, ubungqina bemali efunyanwa ngabazali, iikopi zelayisensi yokuqhuba, isatifiketi sebanga leshumi. Ezi zinto zinga- thunyelwa kule dilesi:
Senior Manager HRD:
Attention: Mrs. L. Bovana
Department of Transport
P/Bag X0023, Bhisho, 5605
Xa umntu efuna iinkcukacha ezithe vetshe kufuneka aqhagamshelane noNkz. N. Maxambele kule nombolo: 043 604 7456 okanye uNkz. N. Ngaki kule nombolo: 082 551 0644
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo