UMphathiswa womkhosi, uAngie Motshekga, uthi akukho nyani kumabango okuba amajoni oMzantsi Afrika aseDemocratic Republic of Congo (DRC) aphelelwe kukutya nezixhobo kwinkampu yawo.
UMotshekga ukuthethe oku ngethuba ebethetha noonondaba ePitoli ngale njikalanga. Ebephelekwe nguSekela wakhe uNjengele Bantu Holomisa kunye noMphathiswa wezoBudlelwane baMazwe ngaMazwe neNtsebenziswano, uRonald Lamola.
“Ndiyile ngokwam eGoma ndafumana ingxelo kwiiNjengele, khange kubekho umntu othi akukho zixhobo. Songeze izixhobo ngesiseko sokuba kukho lo mlo uqatseleyo,” utshilo uMotshekga ethetha neentatheli.
UMotshekga uqhubeke wathi bebenendibano nekomiti kazwelonke ejongene nolawulo lwezixhobo kwaye babaxelele ukuba kubalulekile ukuba bongeze ezinye izixhobo ukuze bangafikeleli kwinqanaba lokuba baswele.
“Nditsho neTanzania yongeze izixhobo … Besingaxhobelanga ukuya kulwa phaya, sikho ukuze kugcinwe ucwangco, ngoku siphakathi koqhushululu – yiyo loo nto kubalulekile ukuba siqinise izixhobo,” utshilo uMotshekga.
“Ndive amarhe okuba siphelelwe kukutya. EGoma ndaya kwiziko lolungiselelo, abazange bathi ‘Mphathiswa asinakutya,’ akukho namnye kwiiNjengele wandixelela oku.”
UMphathiswa uMotshekga ukwacacise iflegi emhlophe ephakanyiswe lijoni kwividiyo ejikeleza kumakhasi onxibelelwano. Uthi iflegi ibingathethi ukuba banikezela kutshaba, koko ibithetha ukuba bebebonisa ukuba bebengazelanga ukulwa kodwa bebezele ukugcina ucwangco.
“Sivumelene ngokuphakamisa iflegi emhlophe ukubavumela ukuba badlule ukuze basuse amajoni abo abhubhileyo. Siphinde sasebenzisa la flegi imhlophe ukudlula sikwazi ukuhambisa ezinye zezibonelelo,” ucacise watsho uMotshekga.
Ukuza kuthi ga ngoku ngamajoni alishumi elinesithathu aseMzantsi Afrika aqinisekisiweyo ukuba abulewe eGoma.
Kubhubhe abantu kwingozi eyenzeke phakathi kweGcuwa neDutywa!