Bazimise ngxi izifundo abazali kwisikolo samabanga aphezulu iSolomzi High kuCentane ngenxa yokuba bekhalazela ukugxothwa kwenqununu yesikolo uLusizo Butshingi.
Emveni kosuku kuvulwe izikolo, ngoLwesine, abazali kunye nabafundi bamatshele kwisithili seSebe lezeMfundo eGcuwa, uyokulinyanzelisa ukuba libuyisele uButshingi emsebenzini.
Oku kulandela emva kokugxothwa kwakhe yilali yaseNgcizela kuCentane, imtyhola ngokucanda amanxiwa elalini, ewanika abantu abakha amagumbi wokugxamesa abafundi.
Uye wagxothwa yilali kunyaka ophelileyo ngaphambi kwenyanga yoMsintsi.
Kuvakala ukuba isebe liye langenelela ngokuthi makahlale ekhayeni ukukhusela ubomi bakhe ukuze limkhangelele isikolo eliza kumtshintshela kuso kulo nyaka.
Kodwa into evuse umnyele kubazali abanabantwana abagxamesayo ziindaba zokuba isebe ligqibe kwelokuba limbeke kwikhefu uButshingi, endaweni yokumthumela kwesinye isikolo.
“ Inye into esiyifunayo kwisebe kukuba libuyisele uButshingi esikolweni okanye limnike esinye ukuze sithathe abantwana bethu balandele yena,” kutsho uNokulunga Noganta obethetha egameni labazali.
ISolomzi High inembali yokuqhuba kakuhle kwiziphumo zebanga leshumi kangangokuba ngo2017 ifumene u100% kwiziphumo.
Kunyaka ophelileyo ikwazile ukufumana u94,47% kwiziphumo zebanga leshumi.
Abafundi abangengobaseNgcizela bathi into yokugxothwa kukaButshingi ibashiye bengamaxhoba okuvingcelwa kwaye bebethwa ngamakhwenkwe elali.
Umfundi owenza uGrade 10 uthe: “Sifunde kabuhlungu kunyaka ophelileyo kuba besileqwa sibethwa ngamakhwenkwe elali xa sibuyela emagumbini wethu wokulala sisuka kufunda esikolweni ebusuku.”
Uthi ngenxa yokuba kungafunwa uButshingi yilali bekungekho nomntu obanqandelayo.
Umfundi ukwadize ukuba nenqununu yabo ibikhatshwa ngamapolisa xa ibatyelele ngexesha sele igxothiwe.
Ukwathi inye into abayifunayo kukuba isebe lize nesisombululo esikhawulezileyo ukuze baqhubekeke nokufunda.
I’solezwe lizamile ukutsalela abahlali baseNgcizela abangamfuniyo uButshingi ukuze lizokuva kubo ezona zizathu zokungamfuni, kodwa litsho phantsi lifumana kuphela abo bamxhasayo.
Isithethi seSebe lezeMfundo ephondweni uMali Mtima, ethetha neli phephandaba, uthe isebe kulindeleke ukuba lidandalazise namhlanje (Lwesine) isisombulo kwakunye nesigqibo malunga nale nqununu yaseSolomzi.
– abongile.ginya@inl.co.za
Kubanjwe abarhanelwa abangama84 kwisithili saseSarah Baartman