Isenkundleni inkosikazi efunyenwe ityale intsangu!

UVELA kwinkundla yamatyala umama onamashumi amathandathu anesihlanu (65) eminyaka ubudala ngoMvulo umhla wesibhozo, emva kokufunyanwa enentsangu. 

Umrhanelwa uvela kwinkundla yamatyala kuGatyana emva kokufunyanwa ngamapolisa ngoLwesihlanu ekwikhaya lakhe kwilali yakuMahasana kuGatyana, eneezoli ezilishumi elinesithandathu zentsangu, kwafunyanwa enye ityaliwe egadini yakhe. 

UKapteni wamapolisa kula mmandla uJackson Manatha, uthi le ntsangu iqikelelwa kwimali engangamawaka amathathu eerandi. (R3000,00).