Isenkundleni intwazana ebulele indoda

 

Iyabuyela kwakhona namhlanje kwinkundla zamatyala aseDutywa intwazana ehlabe yabulala indoda enamashumi amane (40) ubudala phambi komfazi wayo, emva kokungavisisani komfazi wexhoba kwakunye nentwazana le.

 

Le ntwazana egama linguNozibele Mtana onamashumi amathathu ananye (31) ubudala ibivelile kuMvulo wale veki phambi kwenkundla eDutywa, yaze yayalelwa ibheyile yashiyeka ngaphakathi eziseleni.

 

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa ala mmandla uKapteni Jackson Manatha ithi, uMtana akakhange anikwe thuba lakuzithethela ngoMvulo,  ityala liye lamiselwa usuku lwanamhlanje (11-08-17) ngenjongo zophando oluphangaleleyo.

 

UManatha uthi, uMtana wayenengxaki nomfazi wexhoba elo lihlatywe labhubha uXolani Bhaliwe (40).


“UMtana waya kwaBhaliwe eyokusombulula ngxaki leyo yayiphakathi kwakhe nomfazi wexhoba ekhatshwe ngumyeni wakhe. Kuvakala ukuba ixhoba belizama ukungenelela kwingxaki leyo, uMtana wakhupha imela wabe sele emhlaba kumzimba ongentla phambi komfazi wakhe kwakunye nomyeni wakhe uMtana nalapho waye wabhubha kwangoko,”utshilo uManatha.

 

Oku kwenzeka ngoMgqibelo umhla wesihlanu kwilali yakuDoti eDutywa. UManatha uthi eyona ngxaki ibiphakathi komrhanelwa kwakunye nomfazi wexhoba ayikaziwa.


UMtana ujongene netyala lokubulala.