Iseza kubande indlela kweyaseNyobeni

Abazali babantwana abangamashumi amabini ananye ababhubha ngeyeSilimela kulo nyaka bebulawa yinto engakaziwa nanamhlanje kwindawo yentselo iEnyobeni, eseScenery Park eMonti, bathi inde le ndlela kwaye iseza kubande bejongile nje ngenxa yetyala eliqhubayo elijongene nabanikazi be-Enyobeni, uSiya Ndevu kwakunye nenkosikazi yakhe uVuyokazi Ndevu.

Abazali bakuthethe oku phambi kweNkundla yamaTyala eMonti ngoLwesithathu kule veki, ngethuba esi sibini sivele phambi kwenkundla malunga namatyala esijongene nawo, kuquka awokuthengisela abantwana abangaphantsi kweminyaka utywala kwakunye namanye.

Ityala eli limiselwe inyanga ezayo njengoko inkundla isithi ilungiselela ukuqala kokuxoxwa kwetyala.

Umzali womnye wamaxhoba aseNyobeni, uKhululekile Ncandani, uthi ukubhubha kwabantwana abangaka kodwa izinto zivele zibe njengesiqhelo akubaxolisi bengabazali kunzima, akukhange kube lula kule ndlela oko kwenzeka esi sithwakumbe kubo. Uthi ukubambana kwabo bengabazali nokumanyana kwabo kuyabomeleza kule ndlela. UNcandana uthi kungcono ngoku ukuba inkqubela ezinkundleni ikhona njengoko inkundla ithe iza kuqhuba kwinyanga ezayo.

Umfanekiso ogciniwe:Abanikazi bendawo yentselo iNyobeni uVuyokazi Ndevu kunye Siyakhangela Ndevu ngethuba bevele kwinkungdla kamantyi eMonti: Umfanekiso: BHEKI RADEBE

UNtombizonke Mgangala nongumzali naye obesenkundleni izolo, uthi utyhafile kwaye badiniwe bengabazali kuba le ndlela inde. UMgangala uqhube wathi nangona kunjalo bonwabile kuba noko ityala liyaqhuba akuthanga cwaka. Kwaye uthi kweli ityeli baye bahoyeka bengabazali enkundleni kwaye banikwa nendawo ngaphakathi.

Kwityala elidlulileyo babengaphandle abazali zange bangene kuba kwathiwa sele kugcwele ngaphakathi, akukho ndawo.

Kukwavakele amarhe angaqinisekiswanga ngabazali awokuba ooNdevu basaqhuba nokushishina neendawo zentselo ezintathu ezohlukeneyo kweli Monti.