Iseziseleni inkosikazi ephambili ekubiweni kwemfuyo!

Iza kuvela kusasa ngomso umhla wesihlanu kwinkundla yamatyala kuQumbu inkosikazi enamashumi amane ananye ubudala ejongene netyala lokuba ngungqondongqondo kumkhwa wokubiwa kwemfuyo kwiphondo leMpuma Koloni, uyokutshona kwelaKwaZulu-Natal.

Le nkosikazi ibanjwe ngoLwesithathu kwiveki ephelileyo eMgungundlovu emva kokusilela ukuveza iimpepha zemfuyo ebhaqwe emotweni.

Ngokwengxelo ephuma kuBrigadier Tembinkosi Kinana, le nkosikazi kuvakala ukuba yiyo enobuchwepheshe kulo mcimbi wokubiwa kwemfuyo ukusukela ukuxhaphaka kwalo mkhwa ngo2011 eRhini.

UKinana uthi ziyi411 iinkomo ekurhaneleka ukuba sele zibiwe leli qela likhokelwa yile nkosikazi nezixabisa imali engangeR6 165 000 00. Le nkosikazi ibanjwe ihamba nomfana onamashumi amabini anethoba, nongaphaya kwezitshixo naye.

Umfana lo yena ubengungqondongqondo ekuqhubeni nasekuthutheni le mfuyo kula maphondo.

Abarhanelwa bavelile kwiveki ephelileyo phambi kwenkundla yamatyala kuQumbu, ze lamiselwa uLwesihlanu ityala apho kulindeleke ukuba bafake isicelo sebheyile.

Kusenjalo, mane amadoda abanjiweyo eHumansdorp kweli phondo, nawo ajongene netyala lokuba iigusha kwifama eseJeffreys Bay ngakuR102.

La madoda aphakathi kwamashumi amabini ukuya kumashumi amahlanu ubudala. Aqapheleke emva kokuba umninifama ebone ibhaki ebomvu eluhlobo lweMazda ekrokrisayo ngakwifama yakhe ngezithuba zentsimbi yesibini ekuseni. Lo mninifama utsalele amapolisa

nakhawuleze kwangoko ukufika, babanjwa abarhanelwa. UKinana uthi kwibhaki ngaphakathi kufumaneke iigusha ezilishumi elinesibhozo, ezilithoba zibotshelelwe ngocingo emanqineni.

Ngokophando kwafunyanwa ezinye ezilithoba zifihlwe ngapha kwale fama. Ezimbini kwezi gusha zifumaneke sele zifile. Ezi gusha zizonke zixabisa imali engangeR53 800.

La madoda aseluvalelweni kwaye neveni iselugcinweni lwamapolisa njengoko isaphandwa.

Inkumanda yamaPolisa ephondweni uNjengele Lt Liziwe Ntshinga, uqhwabele izandla oogxa bakhe ngomsebenzi okhawulezileyo abawenzileyo.

UNtshinga uthi uluntu malohlukane nokuthenga inyama ebiweyo.