Iseziseleni ititshala ebulele igosa lezendlela

Ayinikwanga bheyile indoda edubule yabulala uDanile Mxoli nobe liGosa lezeNdlela kwiveki ephelileyo kumbindi wedolophu eMthatha.

Le ndoda, egama linguSiphesonke Galoshe (34) nengutitshala kwisikolo samabanga aphakamileyo iNdamase S.S.S, ivelile ngoLwesibini kule veki kwinkundla yamatyala eMthatha malunga nezityholo ebekwa zona zokubulala ibulale uMxoli (62).

Ingxelo yamapolisa idiza ukuba uMxoli wona ngokumisa imoto kaGaloshe esenza umsebenzi wakhe wokujonga amatikiti, moto leyo eluhlobo lweTazz nekuvakala ukuba yayiphazamisana nemiqathango yezendlela.

UMxoli kwakunye noGaloshe baye baxambulisana, emva koko uGaloshe wangqala kwiTazz yakhe apho warhutyula umpu wadubula emqolo kabini ixhoba, emva koko waphel’ enyanyeni.

UGaloshe ubanjwe ngooKhetshe (Hawks) ngoMvulo kule veki emva kokuzisa kwakhe ngaphambili.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi sooKhetshe eMpuma Koloni, uYolisa Mgolodela, ithi umtyholwa emva kokwenza oku kwiveki ephelileyo wabaleka wayokuzifihla kusisi wakhe okwidolophu yaseGqeberha noye wamkhuthaza ekubeni ayokuzinikela emapoliseni, wenza njalo notitshala.

OkaGaloshe uza kuvela kwakhona enkundleni ngoMvulo umhla wama24 nalapho aza kube efaka isicelo sebheyile.