IQumrhu loPhuhliso iCoega libhengeze ukomeleza icandelo lezemoto laseMzantsi Afrika ngesibhengezo sotyalo-mali esizizigidi ezingamakhulu amabini eerandi (R200-million) yiFAW Trucks South Africa (FAW SA) ngoMvulo, umhla we11 kweyeNkanga 2024..
Esi sibhengezo sotyalo-mali simiselwe ngokusesikweni kwiziko loshishino iCoega eGqeberha nalapho singqinwe yiNkulumbuso yephondo leMpuma Koloni uLubabalo Oscar Mabuyane, kunye nezidwangube zaseChina.
“Siyalwamkela olu tyalo-mali lweFAW. Sikholelwa ukuba sisigqibo esilungileyo kwilizwekazi, nakubudlelwane phakathi koMzantsi Afrika neChina,” utshilo uMabuyane.
Olu tyalo-mali lweFAW SA aluqinisekisi iMpuma Koloni njengendawo ephambili kushishino lweemoto kuphela, kodwa ikwabonakalisa ubudlelwane obuluqilima nobukhulayo phakathi koMzantsi Afrika neChina.
Intsebenziswano yeMpuma Koloni neChina inamandla amakhulu okudala imisebenzi, uphuhliso lweziseko ezingundoqo, kunye nohlumo loqoqosho oluzinzileyo.
Ibambela leGosa eliyiNtloko yeSigqeba eCoega, uThemba Koza, uthe olu tyalo-mali alomelezi nje icandelo leemoto eMpuma Koloni, koko likwaqinisekisa iCoega njengendawo ephambili kutyalo-mali kwihlabathi.
“Kuyasivuyisa ukubhengeza esi sibhengezo sotyalo-mali yiFAW Trucks SA. Bubungqina bokuba ikho intsebenziswano phakathi kwephondo lethu kunye nale nkokeli yehlabathi jikelele kwimveliso yeemoto,” utshilo uKoza.
UMphathi Jikelele weziko iCoega Special Economic Zone (SEZ), uPeng Lei, wabelane ngezicwangciso zophuhliso lweli ziko. “Siceba ukunyusa izinga lemveliso yethu. Siceba ukwandisa izakhiwo zethu nokwandisa indawo yethu yokugcina. Ukongeza, sifuna ukwenza imveliso ngokusebenzisa ubuxhakaxhaka kwaye sihlaziye amaziko ethu oqeqesho,” utshilo uLei.
ElaseTopiya lihamba phambili ngeenkomo eAfrika