Ishiye unxunguphalo lodwa inkanyamba eMunyu

Umzi obethwe yinkanyamba eMunyu Umfanekiso: Siyanda Zakhe

Ngamakhaya angaphaya kwamashumi amathandathu ashiyeke engenamaphahla kwizindlu zawo ngenxa yenkanyamba ehlasele eMunyu, eDutywa ngoLwesithathu.

Le nkanyamba, efike emva kwentsimbi yesixhenxe ngorhatya langoLwesithathu, ishiye unxunguphalo kuthotho labantu bale ndawo, nanjengoko abanye babo kunyanzeleke ukuba bayokufihla iintloko kwizihlobo.


Ngethuba I’solezwe lityelele le lali, abahlali abachaphazelekileyo bebephatha beyeka ngenxa yomothuko kwanokuxakwa ukuba bazakuqala ngaphi, logama abanye bebephezu kwezindlu bebethelela amaphahla abo ohluthwe yinkanyamba.


Abahlali bale ndawo bathi ezimbalini abazange bayibone into enje kwilali yabo.


Abahlali bathi kuqale ngokubamnyama bagqibele ngoko zesiba iingqondo nabothuke sele kuidlakadlaka ilali..


Owelwe yindlu yakhe ebikuphela kwayo uMasweleba Ndyiki ulele emizini kubusuku ngoLwesithathu. UNdyiki uxelele I’solezwe ukuba ugqibele ukutya ngosuku oludlulileyo phambi kokuba kwenzeke esi sehlo.


“Andikatyi ngenxa yomothuko, ngenxa yokuzibona sele ndingenawo nomzi ndibe ndingenathemba lokuba ndiza kuwulungisa njani kwaye ngantoni. Ibuhlungu into esehlele kule lali,” utshilo uNdyiki enyembezana.


UNdyiki akaphangeli kwaye akarholi nendodla. Kweli khaya uhlala nabazukulwana bakhe ababini.