Ishiyeke ingenakhaya inkondekazi emva komlilo

Indlu yenkondekazi uPatricia Sikhosana emva kokutsha ngumlilo. Umfanekiso: Malwande Mantshule

Intsasa yangomhla
wamashumi amabini anethoba kwinyanga ephelileyo yimini engasoze ilibaleke
kumhakhulu uPatricia Sikhosana wakwilali iMqonci eNgcobo. 
Le yimini le nkondekazi
yathi yaphulukana nayo yonke into ebenayo egameni lakhe kumlilo owatshabalalisa
ikhaya lakhe.

Kwakulo mlilo welishwa
kwatsha ngokumasikizi utata welikhaya nowathi wasweleka emva kweveki egcuma
ziintlungu esibhedlela.
 Kuvakala ukuba utata
welikhaya obeneminyaka engama76, uwise ngempazamo uluthi lomatshisi xa
ebelayita ngalo umdiza kufutshane nebhedi le abelele kuyo, waqala apho umlilo.

Umakhulu uPatricia
uyikhumbula ngokucacileyo le mini, uyibalisa athi ”Bendikwigumbi lokuphekela
ndenzela utamkhulu isidlo sakusasa yena elele kwigumbi lokulala, ndive ngaye
ekhwaza xa ndiyojonga ndothuswa lidangatye lomlilo lisiza ngakum kanye
ngasemnyango. Ndiphume ndabaleka ndajula ipheyile lamanzi kulo mlilo ndaphinda
ndayokha amanye atankini phandle ndizama ukucima”.

Ngelishwa lo makhulu unengalo
enye emva kokuhlaselwa sisifo sokufa icala (Stroke), kwaye woluphele, nto leyo imenza angakwazi ukukhawuleza kunye nokufunqula izinto ezinzima. Ukongeza kule
ngxaki le nkondekazi nowakwayo bebehlala bobabini qwaba kuloo ndlu yabo
imagumbi mane itshe akwasala nesipeliti.

Lo makulu uthi, wayesekulo mbhodamo, kwafika umfana wasebumelwaneni wophula ifestile bakhupha utamkhulu lowo ngayo. Ngelishwa ebenzakele kakhulu
ekwarhaxwe ngumsi, nokube ngunobangela wokusweleka kwakhe emva kweveki esisibhedlele. 

Kungoku nje le nkondekazi ihlala kwindlu egumbi linye ebebengasayisebenzisi, kwaye
ucela uncedo nakubani na ongafaka isandla kumalungiselo omngcwabo womyeni wakhe, nakumonakalo abathe bawufumana. Uthi, akanamphala yokunxiba, indlu ayinanto, kuquka izitya namacephe.