Ishumi elinanye libanjelwe ukunxila

Lishumi elinanye labaqhubi bezithuthi abathe babanjwa ngamapolisa aseGcuwa, ebambisene namagosa ezendlela aseMnquma, ngobusuku bangoLwesihlanu nangoMgqibelo kule mpelaveki ngokuqhuba bephantsi kwempembelelo zotywala kwidolophu yaseGcuwa nanjengoko ibiyimpela veki ebixakeke ngamandla.

Aba barhanelwa baye bagcinwa into engangee- yure ezine kwisikhululo phambi kokuba bakhululwe ngebheyile yeR2000 umntu emnye.

UKapteni Jakson Manatha wamapolisa uthi, aba barhanelwa bazakuvela kungekudala kwiinkundla zamatyala aseGcuwa.