Ishushu ingxoxo ngesikhokelo sikaMabuyane

Oscar Mabuyane

 IKOMITI embaxa yeANC (NEC) ixakekile yingxoxo etshisa ibunzi e-St George’s Hotel e-Irene eRhawutini ngoMvulo, apho phakathi kwezinye izinto, kuxoxwa ngesikhokelo sikaSihlalo weANC eMpuma Koloni uOscar Mabuyane.

 

Isikhokelo sikaMabuyane besonyulwe ekuqaleni kwenyanga ephelileyo kwinkomfa eyayibanjelwe eMonti neyashiya iingxwelerha emva komlo phakathi kwabaxhasi bakaMabuyane kwakunye nabo beNkulumbuso uPhumulo Masualle, obefuna isihlandlo sesithathu njengoSihlalo walo mbutho kweli phondo.

 

Kuvakala ukuba le ngxoxo ngesikhokelo sikaMabuyane ibitshisa ibunzi ngeCawe, kangangokuba ikomiti esebenzayo yeANC (NWC) kuye kwanyanzeleka ukuba iphinde iqhoboshe indlela eyihlele ngayo ingxelo malunga nendlela eyaqhuba ngayo le nkomfa yaseMonti.

 

Isithethi seANC uZizi Kodwa uthi le ngxelo yeNWC, ngale nkomfa yaseMpuma Koloni, bekulindeleke ukuba ithiwe thaca phambi kwesigqeba seNEC ukuze kujongwe ukuba sinegunya lokukhokela kusini na.

 

UKodwa ukwawakhabile amarhe athi kukhe kwakho ingxoxo malunga nokugxothwa esihlalweni uNobhala walo mbutho kuzwelonke uGwede Mantashe.