Isibini esifunyenwe neziyobisi nompu ongekho mthethweni siseluvalelweni

Isibini esifunyenwe neziyobisi nompu ongekho mthethweni siseluvalelweni. Umfanekiso: Skrypnykov Dmytro

Abemi bangaphandle ababini, uDaniel Thegabu Weldekidan (42) kunye nenkosikazi yakhe uYirgalem Gebremichael Melese (42) bagcinwe eluvalelweni lwamapolisa emva kokuvela phambi kwenkundla kamantyi yaseAliwal North ngoLwesithathu wale veki ngenxa yokufunyanwa beneziyobisi, umpu neembumbulu ngokungekho mthethweni.

Esi sibini sibanjwe ligqiza leeHawks elijongene nophando lolwaphulomthetho olunobuzaza olulungelelanisiweyo, lisebenzisana namapolisa ecandelo leK9 eKhowa nabeAliwal North Public Order Police, ngokwengxelo yesithethi seeHawks eMpuma Koloni, uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana.

UMhlakuvana uthi igqiza eliquka amaqela omthetho ohlukeneyo lifumene ulwazi ngoLwesibini wale veki malunga necala emva kwentsimbi yethoba ebusuku malunga nendlu ethile eZwelitsha eAliwal North ekurhaneleka ukuba inompu neembumbulu ngokungekho mthethweni.

“Iqela lilandele ulwazi olukhokelele kule ndlu. Ekufikeni kwawo, amapolisa afumana abarhanelwa ngaphakathi endlini, kwaye acela ukuba agqogqe le ndlu.

“Ekugqogqeni le ndlu, eli qela lafumana umpu wohlobo lwe9mm oneembumbulu kwigumbi labo lokulala kwaye lawuthimba. Kuqhutyekiwe nogqogqo apho amapolisa aphinde afumana intaphane yeziyobisi zeKhat kwigumbi lokutyela ze zathinjwa nazo,” utshilo uMhlakuvana.

Emva kokuvela kwabo enkundleni, lo mba uhlehliselwe umhla wama24 kweyoMqungu 2025 ukuze esi sibini sifumane itoliki.