Abantu ababalelwa kumawaka amane, kwiilali eziquka iQweqwe noPayne eMthatha, bashiyeke bengenamizi emva kokuba inkanyamba iyishiye isiphukile imizi yabo. Le nkanyamba ikwabangele ukubhubha komntu omnye emva kokudilikelwa yindlu.
Ezinye zeelali zaseKing Sabata Dalindyebo ezithe zachaphazeleka kule ntlekele ziquka iVidgesville, Lindile, Mabheleni, Ngqarhi, Matyengqina, Upper neLower Ngqwarha, Luxolweni, Nxele, Mazizini, Thafeni, Ndlunkulu, Manzothweni, Bhavuma naseMajwarheni.
UNelisa Ngqulana oligosa lezonxibelelwano kule ndibanisela yolutsha ucela bonke abantu abanomdla ekuncedeni amaxhoba ale nkanyamba ukuba bancede ngezinto ezifana nokutya, iingubo kwaneempahla.
“Onomdla angatsalela umnxeba uLitha Wayi ku: 073 617 7809 okanye uKhanyisa Booi ku: 071 772 7060,” utshilo uNgqulana.
Umqeqeshi weSundowns uncoma uLucas Ribeiro owonzakalise iPirates