Isichotho sonakalisile e-Alfred Nzo

Imvula ebinetha ngamandla ikwakhatshwa nasisivuthe-vuthe somoya, yonakalise imizi engaphaya kwamashumi amahlanu kummandla wase-Alfred Nzo ngoMgqibelo.

Isithethi kumasipala wesithili sase-Alfred Nzo uNdabuko Masumpa, uthi esi sichotho sigqugqise kwidolophu yaseMount Frere, apho sishiye iintsapho zeelali zase-Osborn, Mvuzi naseMangqamzeni, ‎zingenandawo yokufihla intloko.

“Ingxelo zethu okwangoku zisixelela ukuba esi sichotho sikwanakalise imizi eMatatiele, logama amagosa ethu esathunyelwe nakwezinye iindawo,” utshilo uMasumpa.

Esi sichotho sishiye inkitha yemizi iwile, amaphahla etoncukile kwaneentambo zombane ziwe phantsi.

“Amagosa eentlekele kumasipala wase-Alfred Nzo asebenze bonke ubusuku bangoMgqibelo, encedisa iintsapho ezichaphazelekileyo. Akukho mntu obhubhileyo okanye wonzakeleyo,” utshilo uMasumpa.

isibhalo@inl.co.za