Isicwangciso kwiingxaki

ezijamelene namasimi eti

SEKUMPONDO zankomo phambi kokufumaneka kwesisombululo kwiingxaki ezijikeleze amasimi eti eMagwa naseMajola.

Umphathiswa wezolimo kwanophuhliso lwamaphandle eMpuma Koloni uMlibo Qoboshiyane uthi sele equlunqe indlela entsha yorhwebo equka intsebenziswano norhulumente wephondo leMpuma Koloni kwanamaqumrhu ezophuhliso karhulumente ephondo aquka i-ECDA kwakunye ne-ECRDA.

OkaQoboshiyane uthi le ntsebenziswano iquka ukuthengwa kweti eveliswe kumasimi aseMagwa naseMajola ngamasebe karhulumente onke kwakunye namaqumrhu. “Xa zonke izibhedlele zeli phondo zinokuthi zithenge iti eveliswe sithi, namasebe karhulumente kwakunye namaqumrhu oko kuza kuvuselela imveliso yeti, kubekho imali engenayo ukunceda kwiingxaki ezongamele abasebenzi kula masimi,” utshilo okaQoboshiyane.

Ukwathe sele benesivumelwano nequmrhu lophuhliso lwentlalo yabantu iSASSA nefuna oomatshini bokuzivelisela eyabo iti, kwanentengo yeti.

UQoboshiyane uthe sele ziphambi kwesebe lemali kwiphondo iinkcukacha zorhwebo nekujongwe kuzo ukuza nesisombululo seengxaki ezongamele la masimi. Ukwahlabe ikhwelo kubatyali-zimali ngelithi mabangenelele ukwenza eli phulo libe yimpumelelo.

UQoboshiyane ukuchaze oku njengenye yeendlela zokubambisana phakathi kukarhulumente kwakunye noosomashishini abazimeleyo.