Isicwangciso seminyaka emithathu sezemfundo

URHULUMENTE wephondo laseMpuma Koloni ukholelwa ukuba isebe lezemfundo kweli phondo lakuba kumgangatho oncomekayo nowamkelekileyo xa similiselwe ngempumelelo isicwangciso sephondo seminyaka emithathu.

Ithetha nephephandaba I’solezwe lesiXhosa, iNkulumbuso uPhumulo Masualle uthe, beliphondo banesicwangciso samabakala asixhenxe apho bazakusebenza nzima beqinisekisa ukuba ziyatshintsha iimeko ezimaxongo nezidodobalisa imfundo yeli phondo.

La mabakala okuguqula imfundo yeli phondo ibesemgangathweni aquka:

. Ukuqwalasela ukusebenza kwayo onke amabakala emfundo, hayi ibanga leshumi kuphela;

.Ukuqinisekisa ukuba ootitshala bakhona phambi kwabafundi, kwaye bonele;

.Ukuqinisekisa ukuba bafumana uphuhliso noqeqesho ootitshala;

.Ukuqwalaselwa kweziseko (infrastructure) zezemfundo ngelokuqinisa umgangatho;

.Ukuphathwa ngendlela ephucukileyo kwezimali zesebe lezemfundo;

.Ubunkokheli obububo ephondweni, kwizithili ukuya kuqhina ezikolweni;

.Inkxaso kwiisekethe zezemfundo kwanokuhlengahlengisa inani lezithili zephondo.

UMasualle uthi, bayayiqonda eyokuba oku akuzukwenzeka ngemini enye. “Sisicwangciso sethu esisinike, iminyaka emithathu. Emva koko sifuna ukubona iziphumo. Liyinene elokuba imiceli mngeni isemininzi kwisebe lezemfundo,” utshilo uMasualle.

UMasualle ukwathe, bazakusebenzisana nesebe lezemfundo kuzwelonke, ukuqinisekisa ukuba ziyakhiwa iziseko zokutshintsha inkangeleko emaxongo yezikolo zeli phondo.