Isicwangciso sokulwa ukubhubha kwabantu kuhola uN2 kuNdabakazi

Amagosa ezendlela kumasipala waseMnquma akholelwa ukuba ukwakhiwa kwesiphambuka sikahola wendlela uN2 kuNdabakazi eGcuwa ngokobuchwepheshe banamhlanje (off-ramp) kungakhokelela ekupheleni kweengozi kule ndawo.

Ngokwengxelo yamapolisa aseGcuwa, bahlanu abantu abathe babhubha kwesi siphambuka sakuNdabakazi kwiingozi zendlela kulo nyaka. Uninzi lwabo libhubhe xa belizama ukunqumla kwesi siphambuka.

Kwisehlo samva nje, ngoMgqibelo umhla weshumi elinesixhenxe, kubhubhe indoda enamashumi amane eminyaka emva kokugilwa yimoto. Isithethi samapolisa eGcuwa uKapteni Jackson Manatha uthi le ndoda igilwe xa kanye inqumla kwesi siphambuka.

Imithombo ethembekileyo ixelele I’solezwe ukuba inkampani yokwakha le off-ramp sele ityunjiwe kwaye izakuqala umsebenzi kungekudala. Ukwakhiwa kwale off-ramp kuza kubangela ukuba iimoto ezisuka eNgqamakhwe zingemi kwesi siphambuka, endaweni yoko zivele zingene kuN2.

Inkqubo enjalo yathi yenziwa eVidgesville ngaseMthatha apho iimoto ezisuka eMqanduli zinendlela ezikhokelela kuN2 kwaye oko kwathi kwabangela ukuncipha kweengozi kule ndawo.

Igosa lezendlela eMnquma lithe: “Yeyona ndlela ezakunceda ukuphelisa iingozi le. Iyasixhalabisa kakhulu into yokubhubha kwabantu kule ndlela.”

Eligosa likwathe enye yezinto ezibangela ukuba kubekho iingozi eziliqela kuNdabakazi kungenxa yabantwana abafunda kwisikolo samabanga aphakamileyo iNdabankulu kwanemizi ethengisa utywala kufuphi nesisiphambuka.

Ezinye zeengozi ezenzeke kuNdabakazi ziquka eyenyanga yeSilimela kulo nyaka, apho kwabhubha indoda eneminyaka engamashumi amabini anesithathu kwanowasetyhini oneminyaka engamashumi amabini anesibini emva kokuba isithuthi ababehamba ngaso sathi safumana ingozi kuNdabakazi.

Ngenyanga yoKwindla, kwabhubha indoda eneminyaka engamashumi amahlanu anesithandathu emva kokuba iteksi eyayihamba yafumana ingozi kwesi siphambuka, ngelixa kubhubhe intwazanaenamashumi amabini anesithathu ngenyanga yoMdumba emva kokuba yathi yagilwa yimoto engazange yamisa.