Isidima kubafundi ngenxa kaMTN!

Abafundi bezikolo iGengqe Junior Secondary kunye neGengqe Senior Secondary eMqanduli bafumane izihlangu neyunifomu entsha kwinkampani yakwaMTNUmfanekiso: BHEKI RADEBE

Ummandla welali yakuGengqe eMqanduli yenye yeendawo ezithwaxwa yintlupheko, apho uninzi lweentsapho luxhomekeke kwimali yesibonelelo sikarhulumente.

Lo ngunobangela wokuba abantwana bale ndawo bahleleleke esikolweni.

Oku kudizwe yinqununu yakuGengqe Senior Secondary uZimasa Pantshwa ngethuba egcwele luvuyo xa inkampani yakwaMTN ibiyokudlulisa ngezihlangu ezingaphaya kwamakhulu amathathu anesihlanu kubafundi bakuGengqe Senior Secondary kwakunye nabo bakuGengqe Junior Secondary.

“Bebezidinga aba bantwana ezi zihlangu. Inkulu kuthi le nto yokuphiwa izihlangu nguMTN kuba bebezidinga kwaye siyayazi ukuba akukho apho bakuphinda bazifumane khona.

“Apha uninzi lwabantwana luphila ngepeyi kwaye luhlala nooninakhulu babo, abazali bakumanye amaphondo beyokukhangela imisebenzi. Abantu abadala abajongi yonke into ukuba umntwana uyile esikolweni kusinina. Nathi siingotitshala asihlohli kuphela, sinalo uxanduva lokujonga intlalo yomntwana,” utshilo uPantshwa.

Imeko yabafundi bezi zikolo uyazibonela ungaxelelwanga kuba abanye izihlangu zabo bazithunge ngamacingo, abanye banxibe umbala ongenguwo owesikolo.

Abanye bababafundi baxelele I’solezwe ukuba kudala bezicela emakhaya abanabantu bobathengela. Ojongene nephondo leMpuma Koloni kwaMTN, uVusi Ndwandwe, udize ukuba esi sikolo baza kusenza esabo ngoku, ngokuthi bathi gqolo ukufaka isandla.

“Siyazibophelela ngokuba nobudlelwane nesi sikolo kuba siqaphele ukuba kuninzi okusafuneka kwenziwe apha, abadingi zihlangu kuphela abafundi. Siza kuphinda sibuye sizokujonga ezinye iimfuno,” utshilo uNdwandwe.

AbakwaMTN bebe kwiphulo abalenza rhoqo ngonyaka eliqhuba iintsuku ezingamashumi amabini ananye kwilizwe, apho banikeza ngezixhobo eziyimfuno kumawaka ngamawaka kwabo bangathathi ntweni.

Owachukunyiswa yimeko yesi sikolo eyabangela ukuba uMTN afake isandla uBatini Qekeveka, uthi ukhulele kule lali kwaye into yokubona abantwana bengahambi kakuhle isikolo ngenxa yokuswela kwanokuba isikolo singaqhubi kakuhle xa kuphela unyaka akumonwabisi.

“KuMTN ndandicela nantoni abanokusinceda ngayo enokuthi yenze abafundi babe nomdla wesikolo, nenokuthi ibakhuthaze. Ndibulela kakhulu oku kwenzekile, kwaye uthembisa nangokuqhubekeka uMTN,” utshilo uQekeveka.

Abanye babafundi abaxhamle kule nyhweba esincokole nabo nesingawachazanga amagama abo nomnye wabo ebe zibophelele ngocingo izihlangu zakhe uthe: “Kungokuba bekungekho apho bendiza kuthi ndizithathe khona ezinye izihlangu kuba akukho mntu uphangelayo ekhaya. Omnye:

“Ndinxibe ezi zihlangu zipinki kuba andinazo kwaezo zesikolo. Siyabulela kuMTN.”