INQUNUNU yesikolo samabanga aphantsi iBlythswood Junior eNgqamakhwe, etyholwa ngokuquqa idlwengula umfundi wayo oneminyaka elishumi elinesithathu (13), ibingase ithi “vuleka mhlaba ndingene” ngethuba ivela kwinkundla kamantyi eNgqamakhwe.
USiviwe Shosha, wakuNomaheya, oneminyaka engamashumi amahlanu ananye (51), ubanjwe ngamapolisa ngomhla wama-27 kwinyanga ephelileyo, emva kokudlwengula lo mfundi iinyanga ezintlanu.
Iingxelo zithi le titshala, etshatileyo futhi enabantwana abane, ibidlwengula lo mfundi ngokuthi imqhathe ngemali.
“Kwamanye amatyeli, le titshala ibiye imbizele kwayo emva koko imdlwengule ze imvale umlomo ngemali. Kwelinye ityeli, ixhoba lalingaphilanga kwanyanzeleka inqununu ilise ekliniki, endaweni yokumleqisa ekliniki, le nqununu yaqala ngokumdlwengula emini ilanga lihlab’ umhlaba,” batsho abasemfuthweni wolwazi.
Kuvakala ukuba uShosha sele eyifakile imbalelwano yokuyeka kumsebenzi wakhe kwisebe lezemfundo.
Isithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha, uthi le ntwazana iqatshelwe ngabazali bayo ukuba itshintshile ngokwesimilo. “Xa bezama ukubuza unobangela, ivele yabaxelela ukuba idlwengulwe ngumrhanelwa ukusuka kweyoKwindla ukuza kweyeKhala kulo nyaka,” utsho uManatha.
Ngethuba evela enkundleni, uShosha ungene sele ejonga uluntu oluzokumamela amatyala, emva koko wajonga phantsi – kubonakala ukuba simenza abenedyudyu isehlo atyholwa ngaso. Iqaqobana lamalungu osapho lakwaShosha nabasebenza naye esikolweni, bebekhona enkundleni.
Abakhange babonakale abazali okanye izizalwane zexhoba.
Kusaqalwa nje ukuxoxwa kwebheyile kaShosha, umtshutshisi uYandisa Mhaga, uxelele inkundla ukuba bayasichasa isicelo sebheyile ngakumrhanelwa. “Akuna kuba semdleni wobulungisa ukunika ibheyile umrhanelwa. Okwesibini umphandi wetyala akekho enkundleni nanjengoko esajongene nomba wezolonyulo,” utshilo uMhaga.
UChristina Shosha nongumama wale nqununu, ethetha neli phephandaba uthe: “Sixheleke kakhulu thina kuqala sisehlo esenzekileyo, sele kungase igqithe le nto kuba nasekuhlaleni asijongwa kakuhle. Mna ndisola ukuba wenzelwe iyelenqe unyana wam.”
UChristina ukwadize ukuba unyana wakhe ungumntu otya iipilisi zesifo seswekile, nalapho kufuneka atye ukutya okusempilweni, asele neepilisi ngendlela efanelekileyo, “kodwa ngoku oko kuza kuba nzima xa eseluvalelweni”.
Isithethi sesebe lezemfundo eMpuma Koloni uMali Mtima, uthi ezi zityholo zityatyekwa uShosha ziyothusa. “Ootitshala kufanele ukuba ngabo abakhusela abantwana esikolweni. Siyamgxotha thina utitshala ofunyenwe enetyala lokudlwengula, futhi siphinde senze ukuba angaze aphinde asebenze njengotitshala,” utsho uMtima. Igqwetha likamrhanelwa uSiseko Nginda, licele inkundla ukuba “ihlukane nokungcikiva amalungelo omrhanelwa” ngokuthi imkhulule eluvalelweni. Isicelo sebheyile sikaShosha sakuxoxwa ngoMvulo,08 eyeThupha.
Kubanjwe abathathu ngezityholo zokuxhwila nokuqweqwedisa