Isidlwengu sigwetywe ubom neminyaka ngaphezulu!

UMzwandile Nomevu onamashumi amathathu anesibini ubudala uza kuchitha ubomi bakhe bonke entolongweni emva kokuba inkundla yamatyala engingqi yaseGcuwa imfumene enamatyala awohlukeneyo, elokudlwengula nelokuzama ukubulala.

Okuphazamise inkundla nangakumbi kukuba uNomevu amanye amatyala wawenza ngethuba engaphandle ngebheyile.

Ngokobungqina obuye babekwa phambi kwenkundla, uNomevu wadlwengula intwazana eneminyaka emihlanu kwilokishi yaseBika ngomhla wesibini kwinyanga yoMqungu ngo2016, engaphandle ngebheyile.

UNomevu wabiza le ntwazana eyithembisa ngokuyipha ifowuni ngethuba idlala nabanye abantwana esitratweni. Ingxelo ithi wazama nokudlwengula omnye umntwana owayedlala nexhoba.

UNomevu wayengaphandle ngebheyile ngethuba esenza la masikizi ebantwaneni. Ngaphambili wayebanjelwe ukudlwengula inkosikazi eyayineminyaka engamashumi amabini anesibini ubudala ngethuba eyinqandela ixabana nendoda eyayincuma nayo kule lokishi.

UNomevu wazenza osizela le nkosikazi wathi uyayikhapha ekubeni igoduke kanti kungethuba efuna ukuzithathela ngolunya. Amatyala aye avulwa kwisikhululo saseMsobomvu eGcuwa.

UMkomishinala wamaPolisa ePhondweni uLt Njengele Liziwe Ntshinga usamkele esi sigwebo, ekhuthaza ukuba amakhosikazi athethe xa exhatshazwa.

UNomevu ugwetywe ubom ngaphezulu yaba yiminyaka elishumi elinesibhozo engaphakathi eziseleni.