UKhululekani Justin Ngqeza onamashumi amathathu anesithandathu (36) eminyaka ubudala waseMakhanda, noberhwebesha ngoFacebook amantombazana aselula ngokweminyaka naphakathi kwe15 – 21, ewathembisa ngokuwafaka kwinkampani yokumodelisha, ugwetywe izihlandlo ezintathu zobomi engaphakathi ejele yiNkundla ePhakamileyo yaseRhini ngoMvulo kule veki.
Ezi ntwazana zilishumi nezingamaxhoba kaNgqeza beziye zidibane noNgqeza kumagumbi aqeshisayo okulala aziwa ngeBnB, okanye kudityanwe ehlathini apho bebeye babhataliswe imifanekiso yabo emva koko badlwengulwe nguNgqeza. OkaNgqeza oku ukwenze phakathi konyaka ka2019-2020.
Ingxelo iqhuba ithi emva kokuba edlwengule ixhoba lakhe lokugqibela eKomani ngoMeyi ka2020, ixhoba labaleka kwangoko layokuchaza emapoliseni, wabanjwa esendleleni ejongise eMthatha. Indlela yavalwa ngamagosa wabanjwa eNciba, ebanjwa nge19 kaMeyi 2020.
UCol Priscilla Naidu uthi emva kokubanjwa kwakhe uNgqeza, kwavela amaxhoba amathandathu akhe avula ityala, amathathu kwesi sithandathu ingawaseWoodstock naseSea Point kwidolophu yaseKapa eNtshona Koloni.
UNgqeza oko wabanjwa engaphakathi eziseleni zange afumane bheyile de kwabe kuququnjelwa eli tyala lakhe. Ngomhla wesithandathu (6) kuFebruwari 2023 waye wafunyanwa enetyala kuwo onke amatyala ebejongene nawo afana nelokuxhwila kwanokudlwengula.
Amaxhoba akhe ebeseHumewood eGqeberha, eMonti, eKomani, eWoodstock naseSea Point. Amatyala onke ajongene nawo ohlulwe ngokohlulwa yinkundla, ngaphezulu yaba zezi zihlandlo zobomi zintathu.
UMkomishinala eMpuma Koloni, uLt Gen Nomthetheli Mene usamkele esi sigwebo. UMene uqhwabele izandla abe besenza uphando ngeli tyala nabaqiniseke ukuba uNgqeza akanakuze aphile ubomi noluntu. Ukwathi ezi ziphumo ziyimpumelelo kwaye nethemba kumaxhoba kaNgqeza. UMene uthi izenzo zokuxhatshazwa koomama zikwizinga eliphezulu kuba kumaxa amaninzi zenziwa ngabo babathembayo.
ElezoThutho lithi liyaxhalabisa inani elonyukileyo lokubhubha kwabantu ePhondweni!