Isiduko nenkolo

Akunqabanga ukuxambulisana kwabantu ngomcimbi wenkolo, nditsho nakwabankolo inye. Wofika omnye esithi inje, omnye esithi injeya.

Abantu bomzi omnye bayibeka ngokuyibeka, unyana esahluka kuyise nentombi isahluka kunina ngokuyibeka. Andazi ukuxambulisana oku ukuba kudalwa yintoni na, kuba sele negama lizichazile lathi ‘nkolo’.

Mhlawumbi ke abantu bashiyeka apha ekuqondeni eli gama lithi ‘nkolo’. Omnye kubantwana bomntu uthi akuphelelwa bubuciko amqhomfe umntakwabo, athi xa akholelwa ntweni yimbi usazibiza ngesiduko ngabuni na.

Ukwayanyaniswa kwesiduko nenkolo luninzi lwabantu kuthathelwa kunqulo nakwinkolelo ngabantu abafileyo. Isiduko kaloku ligama lomntu owakhe wakho, ongasekhoyo ke ngoku.

Kukho iinkolo ezithi ke abantu abafileyo ziidimoni okanye yimimoya emdaka, athathele apho ke omnye athi umntakwabo lowo ukholelwa ngolo hlobo akamele kuzibiza ngesiduko kuba singumntu owafayo.

Buyandixaka ke ubugangxa obunjalo, ukuba kuthe ze buvele kwabe bekutheni na. Inkolo ingumoya, umntu yinyama, ezo nto zombini ziphambene.

Inkolo yahlukile nakwinkcubeko, omnye anokuthi xa ukholelwa ngohlobo oluthile umele kungazenzi izinto ezithile eziyinkcubeko.

Inkcubeko nenkolo zahluke kakhulu. Inkcubeko yindlela yokuphila koluntu, ukusebenzisa koluntu izinto zenyama nokwenza izinto ezibonwa ngamehlo.

Inkcubeko iguquka njalo, ihamba nokuhamba kwamaxesha nokuguquka kweendlela zokuphila kwabantu.

Inkolo yona ingumoya kwaye ayiguquki. Ukuguquka kwenkolo iba kukuphambanisa kwabantu izinto, hayi kuba kuguquke yona.

Ayiguquki inkolo kuba ingumoya, ngokungafaniyo nenkcubeko yona iguqulwa ziimeko zenyama nasisimo sendalo.

Ukuba ngumoya omdaka kwesidumbu nokungabi nguwo kusekukholelweni komntu. Kodwa wakugrumba ingcwaba uza kufika sikhona sona isidumbu singengomoya, silinde ukudliwa ngumhlaba siphele singabikho.

Ekupheleni kwaso akusali moya phaya engcwabeni, iba ngumhlaba emhlabeni. Inyama nezinye izinto zomhlaba ezifana notyani isiphelo sazo ngumhlaba emhlabeni.

Eyokuba kusala umoya wakuphela umzimba okanye kukho umoya engcwabeni yinto esenkolweni yomntu leyo kwaye ayingqinwa ndawo.

Isiduko ligama lomntu okumlibo wokuzalwa komntu. Kunjalo nje asingabo bonke abantu abafileyo abamagama abo aziziduko, ngamagama abathile kuphela aziziduko ngezizathu zabantu baloo mlibo.

Ukuchaza lowo mntu kumlibo wabantu abakuzalayo ke akunanto yakwenza nenkolo, kuba oko kuyinyama inkolo yona ingumoya. Ngumntu othi xa anqulayo abize uludwe lwabantu bomlibo wakhe, kwabanqulo lunjalo ke.

Azibalule ukuba yena uyinto kabani, kabani; ukuba bona kumlibo wakowabo bangabantu abanje nanjeya; atsho ngomtyhutyhumezo ke wezo zibongo ezithutha. Into yokuba uzalwa ngubani ayingeke iguquke ngokuse ube kwinkolo engawuthatheli ngqalelo umlibo wokuzalwa.

Nokuthi “uzelwe ngokutsha” kusenkolweni yomntu, kona ukuzalwa kwenyama kuma kumi ngohlobo okululo, akuguqulwa kukuguquka kwenkolo yakho. Inkolo inomntu, yena yedwa kunjalo nje.

Umzekelo wokubawedwa enkolweni ngulo wokuba ecaweni ibekwa ngokucacileyo imithetho yokuba akukrexezwa, akubiwa, akunqulwa kwizinto ezingengoThixo, iSabatha iyagcinwa, akubulawa, njalo njalo ke.

Kodwa wofumanisa ukuba bakho abazenzayo ezi nto kuthiwa mazingenziwa kanye ngoku bakwicawe enye, bengenela sakhiweni sinye nangamini inye.

Obu bubungqina bokuba abantu abakholwa ngokufanayo nantweni inye, enokuba bandawonye na. Nabanqula ngebhokhwe ke banjalo ukwahluka, ngokwamakhaya nangokwezindlu zabo.

Akukho mntu unkolo ifana neyomnye ke ngoko. Inkolo ikumniniyo. Isiduko ngumntu, inkcubeko yimo-ntlalo yoluntu ngokubanzi, inkolo ngumoya; ezo nto zontathu ziphambene nangona izezamlambo mnye nje.

Goba msenge iibhokhwe zikutye! Owenu kwisiXhosa, Nxuba.