Kwaphambili mandulo phaya abantu abaNtsundu babenobuntu bengezizo indladiya zendlobongela EZIBULALA NEZIGXOTHA ABANTU. Amafaca embacu eziphuma kwamanye amazwe ayezamkela. Oko kungqinwa yimvelaphi yezi ziduko zilandelayo:
ISIDUKO SABELUNGU: Uninzi lwaba bantu lufumaneka kwindawo yaseXhorha kwelamaBomvana. NgamaBomvana amhlophe la ngentsobi, ayinzala yokudibana nokuzekana kwabeLungu ababeqhekekelwe ziinqanawa elwandle. Imbali ithi ngethuba kwakulawula uMatayi uyise kaTshomane njengeKumkani yamaMpondo, uChibi inkosi yesizwe samaNanga owayehlala kufutshane nomlambo iLwambazo, yathumela ilizwi kuMatayi isithi kufike kwayo abeLungu abane, amadoda amathathu kunye nentombazana.
Abo beLungu baphuma elwandle baqhekekelwe yinqanawa, futhi lo uyintombi bamthiye igama lokuba nguGquma. Elo gama belisusela kwinto yokugquma kwamaza olwandle. Baze abanye aba babathiya la magama, omnye bathi nguBathi, onye bathi nguJekwa, waze omnye bamnika igama lokuba nguHatu.
Kuthiwa le ntombi inguGquma yendela kuXwebisa unyana omkhulu kaTshomane. Mtshato lowo uzele aba bantwana: uGela unyana omkhulu, uMlawu unyana wesibini, uMdepha unyana wesithathu noBessie intombi.
UGela yena uzele uNgcetane, ozele uNiki, ozele uDalasile, ozele uDudumayo; uMlawu yena uzele uMakhasi, ozele uMenese, ozele uNtabankulu, ozele uSidumo; uMdepha yena uzele uMajibana, ozele uNtleki, ozele uMathanzima; uBessie intombi kaXwebisa wendela kuMjikwa unyana kaWose iNkosi yamaNkumba, waze le nkosi wayizalela uGqumile, ozele uVusani, ozele uSizunguzane.
Kuthiwa uBathi yena waphinda wemka nenqanawa eyayikhe yemisa apho elunxwemeni. Baze ke bona uJekwa noHatu bavelisa esi sizwe sabeLungu. UJekwa kuthiwa wayehlala kumzi kaPhutha umfo wasexhibeni likaTshomane. Kulapho ke uJekwa wazeka khona iintombi ezininzi eziNtsundu, elandela isiko lesiNtu lokuzeka isithembu, khon’ukuze nje kube kuvela le ndlu yabeLungu.
Umnombo kwicala likaJekwa uhamba ngolu hlobo: uJekwa uzele uMalanga kundlunkulu, uMbomboshe noBhuku, ekunene. UMalanga ongundlunkulu kaJekwa uzele uGweba, ozele uMqothelo, ozele uMangala. UMbomboshe uzele uLufenu, ozele uGoxo, ozele uBhuku noMbayela. UBhuku uzele uNogaya, ozele uGaqelo, ozele uVenevene, ozele uSivavali.
Kwicala likaHatu, uHatu uzele uNyaka, ozele uMadlo, ozele uKobe, ozele uMkana, ozele uMthetho, ozele uKhethane.
USoga, T.B. kwincwadi yakhe ethi, ‘Intlalo kaXhosa’ uthi xa ebhala ngemvelaphi yesiduko sabeLungu: “Ngexesha lithile emaMpondweni kwaqhekeka sikhephe sithile singaziwayo, kuthiwa kodwa kwakukufuphi neLwambazo kuloo ndawo, elithi ibali kolu qhekeko-sikhephendini amadoda amathathu nentombazana eselula akhutshelwa elunxwemeni lolwandle esaphilile. Ithe le ntwanazana yathiywa igama ngokuba nguGquma kuba iphume kumaza egquma yafakelwa kwenye yezindlu zeenkosi. Abanye bathi yazekwa nguXwebisa indlalifa kaTshomane nokwaziwa ngokuba nguSango.
UDudumayo le nkosi yangoku yamaTshomane wathi yena uphuma kuXwebisa indoda kaGquma. Kula madoda mathathu ebali, enye yathathwa yinqanawa ethile eyasondela kufuphi elunxwemeni apho, kodwa wona amabini awathiywa ngokuba nguJekwa noHuta ngamaMpondo asala, ahlala kumaMpondo, azeka abafazi, avelisa inzala yabeLungu eluhlangeni ehlala ngoku kumaBomvana kwelakwaBomvana.
Uthe uGquma lo wangumfazi omkhulu mhla indoda yangena kubukhosi bamaTshomane. Uzele oonyana abathathu, nentombi enye. Unyana omkhulu oyindlalifa yanguGela, owesibini yanguMlawu, owesithathu yanguMdepha, intombi yanguBessie. Lwavela ngale ndlela ke uhlanga lwamaMpondo angabeLungu kumaTshomane.”
Aba ke kuthiwa ngoo: Nkomo zikaNgesi, ZikaMbomboshe, ZikaNgxanabana, ZikaNogaya, ZikaMlungu, ZikaGubanca , Bala lenkomo, Abantu abatya ngezilanda,
Abantu abantetho isisiwiliwili!
ISIDUKO SAMAMOLO: Kwinqaku elithi, “Ibali lamaMpondo,” elaphuma kwiphephandaba Umthunywa langoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesibhozo ngowe-1942 uJ.D. Same, walibalisa wathi ibali lamaMolo: “Esi sizwe esesingamaMpondo namhlanje kodwa mandulo asingawomaMpondo. Malunga nonyaka wowe-1565 kwatshona inqanawe kwichweba lomlambo uMdumbi saza esi sizwe samaMolo saphuma kuloo mpi eziindwayinge zalo nqanawa. Uthi yena uMakhwakhwalala wamabali umfi uMfu.J.H. Soga ezo ndwayinge yayiyimpi yaseMadagascar leyo yatshonelwa yiloo nqanawa.
Intetho yaba bantu ayizange yaziwa ngamaMpondo. Babemane beviwa xa bebulisa besithi, ‘molo’ okanye ‘morning’ kwasele kusithiwa ke ngamaMolo. Naso ke eso sizwe simi kwichweba loMdumbi kumhlaba waseNgqeleni. Inkosi yaso nguMxuka. Abacholacholi bamabali bamane besiya kungqubeka khona ngokuzama ukuphanda imvelaphi yaba bantu.
Into ebangele ukuba ndivelise ezi ndawo kukubonisa ubuntu bamaMpondo ukwamkela iindwendwe zamanye amazwe ezifike zihlale ngokonwaba phakathi kwamaMpondo. Andisathethi ngamaXhosa, amaMfengu, amaZulu, amaBhaca, namaLawu kaAdam Kok.
Xa bethuthwa kuthiwa: Molo, Mlungu,Ngilane, Jafrithi, Mpondo, Khoboka, Gxagxa, Lawu. Mkhonto yinaliti, Ubhayi elimhlophe, NgabakwaSilanda yinaliti, BakwaMkhonto yimesi, Nkonjane emnyama yaphesheya kolwandle, Inyok’emnyama ecand’ulwandle, Nkomo zoMlung’omnyama nenwele zakhe, Mlambo omkhulu ongawelwa nangamehlo, Wona awel’umlambo ugcwele, Izinto zikaBhayi, ZikaSomlungwana, ZikaMerha, ZikaTulwana, ZikaPita, ZikaNgcolwane, ZikaMagarheni, ZikaFalteni, ZikaNyango, ZikaNywantsu, ZikaMxhaka.
UNgalonkulu uncunyiswe ngoonobuhle bangomso emcimbini obuseGcuwa!