Isiduko samaCethe

AmaChizama la ngamaCethe, akuqinisekwanga nokuba asuka kumaLawu okanye kubaThwa na.

OoChizama aba kuthiwa xa kubaliswa ngemvelaphi yabo ngabantu abadalelwa phantsi kweentaba, amatye, imiwonyo nemiwewe apho babenze amakhaya abo endalo. Esi siduko sithi ‘Chizama’ sizekeliswe kumthi othile owawulichiza elalenziwe ngomthi othile obalulekileyo noxatyisiweyo sesi sizwe samaLawu. Lo mthi uyafana nesiThixo sawo ngokubaluleka kwawo kwaba bantu bakwaChizama.

Aba ke ngoo: Cethe, Mlowa, Ncenceza, Ncoko, Ngwandi, Bhurhuma, Jala, Ntsimbini, ngabantu abadl’inyama ekrwada, bayafukutha xa besity’ inyama abo bantu! Ngabantu abadalelwa phantsi kweentaba emiqolombeni, ngamahomba abo bantu, bathi xa bethetha neentombi: “Ntombazana ndibulongwerha, ndiluhlaza ndityubululu, sinda ngam ngoku ndingekomi!”

Umzi wamaChizama ngomnye wemizi ethe yabangoovulindlela kwicala lemfundo. Xa sibalisa ngalo mzi wamaChizama sihlala sikhumbula uMnu. Isaac Wawuchope Citashe enye yamadoda aseKoloni awayesaziwa kakhulu nawakhulela kwiimpembelelo zomfundisi wodumo lwaseLovedale uMfu. Gqirha James Stewart owayenguMphathi-Sinala eDikeni ngalo maxesha. UIsaac William Wawuchophe Citashe wazalelwa etinarha ngowe-1876, waze wafunda eLovedale eDikeni wayengumfundisi wamajoni awathi atshona nenqanawa iMendi ngowe-1917, nalapho naye wathi wasweleka khona.

UMqhayi, S.E.K. kwincwadi ethi, “Abantu beSizwe) ehlelwe nguJeff Opland, umchaza ngolu hlobo uMnu. Isaac Wawuchophe Citashe: “Awona magama akowabo nguCithashe noDyobha, umfo wasemaCetheni, kwaChizama.

Ngokwasebukhosini ngumNgqika kanye, kuba noko amana ukuvakala engumNdlambe, aze abuye avakale engumJingqi, onke lawo maziko ngawakwaNgqika. UIsaac lo ngunyana omkhulu kokwabo; bakho abaninawa bakhe, iziqololwane ezifana kwanaye ngento yonke, -ngokukhalipha, ngobuqharhaqharha bobuncoko, nangokwazi iilwimi ezininzi. Eyona nto ininzi kokwabo ziintombi, ezo nzinzilikazi zikwanjalo ukukhalipha nokuqabuka.”

UMnu. Isaac William Wawuchope Citashe ngomnye wamadoda exesha lakhe awaba neempembelelo kwicala lemfundo. Lo mfo wakwaChizama waziwa kakhulu ngombongo awawubhala waze wawukhupha kwiphepha-ndaba Isigidimi ngenyanga kaMeyi ngowe-1882. Kulo mbongo wayephembelela izifundiswa neemfundimani ukuba zilwele ukubuya kwelizwe labaNtsundu elalityhuthulwe ngabeLungu ukuba zisebenzise ubuchule bengqondo endaweni yokusebenzisa izigalo. Ilizwe labaNtsundu lalityhuthulwe ubutyebi beenkomo nomhlaba kwakunye namasiko nezithethe.

Lo mbongo uhambisa ngolu hlobo:

“Zimkile! Mfo wohlanga, Phuthuma! Phuthuma! Yishiy’imfakadolo, Phuthuma ngosiba, Thabath’iphepha ne-inki, Likhaka lakho elo!”

Baninzi ke kakhulu abantu bakwaChizama ababenegalelo elikhulu kwindima yokuzama ukwakha uMzantsi weAfrika oya kuhlaliwa kakuhle luluntu lonke olweBala, olwamaNdiya, abaNtsundu nabaMhlophe.

Xa sithetha ngamaChizama singaba asithethanga xa simlibala UMnu. L.F. Siyo owayesakuba ngomnye wabaphathiswa kubuRhulumente bephandle laseCiskei. Lo Mnu. L.F. Siyo wayewagxothwa nguGqirha L.L. Sebe kubuRhulumente baseCiskei njengoMphathiswa kuba wayetyholwa ngokusebenzisana noRhulumente waseTranskei.

Iphephandaba laseMthatha lamaRoma, ‘Intsimbi’ laphawula lathi xa linika imbali ngoMnu. L.F. Siyo ngomnyaka wowe-1977: “UMnu. L.F. Siyo obeyintonga esekhosi kaNkosi Sebe ukususela ngo1973, ukwakha kwabo iqela leKhonkco, uguzulwe kwisikhundla sobuPhathiswa, endaweni yakhe kwafakwa uMnu. W.F. Ximiya waseVictoria East nongumhlali waseBhayi.

Ukhiqo olo lukaMnu. Siyo lusiwe nguNobhala weNkulubaphathiswa yaseCiskei uMnu. Sebe, lusencwadini etyikitywe ngosiba lukaMnu. Sebe ngezithuba zentsimbi yethoba kusasa ngenjixukuxa.

Incwadi leyo ibisithi: “Ukwenzela ukugcina ucwangco lweCiskei noRhulumente wakhona, iNkulubaphathiswa ifikelele ekubeni yenze uhlengahlengiso kwikhabhinethi yayo. Ngoko ke uMnu. L.F. Siyo makadede esihlalweni sobuPhathiswa kwiSebe loLimo namaHlathi, ngokukhawuleza okudibene nokunkcunkca ukuze avalwe nguMnu. W.F. Ximiya.”

Ukususela ekungeneni kweKhonkco kulawulo eCiskei uMnu. Siyo waba ngoyena mntu unamandla kulo Khabhinethi, kangangokuba wanikwa iSebe lezaseKhaya, elikufutshane nobuNkulubaphathiswa. UMnu. Siyo ibibanjelwa nguye iNkulubaphathiswa xa ikumazwe angaphandle.

Kwesi sithuba sobuPhathiswa bezeKhaya uMnu. Siyo wakhe wanophikiswano kunye noMnu. Myataza owayelifuna naye kodwa lawela kuye “uChizama”. UMnu. Siyo wathi ukusuka kwakhe kwelo sebe watshintshelwa kwiSebe lezeMpilo, sebe elo ebelithanda gqitha, kangangokuba wada wathiya nesibhedlela saseMdantsane ngaye. Kuthe kusakufika ukungaginyani phakathi kwakhe noMnu.

Sebe watshintshelwa kwelona sebe liphantsi, eloLimo namaHlathi, apho ade wafikelela ekubeni agxothwe mpela kwiiOfisi zakwaRhulumente.”