Isiduko samaManci

OoManci ngamaMpondo aseMpuma aphuma kumaZotsho. AmaZotsho yinzala kaNtamonde ekuphuma kuyo amaNci, namaXolo, neZilangwe namaNtshangase namaNgutyana. Bavele eLusuthu beyinzala kaNtamonde.

Esinye isizwe esiphuma kwakulo mnombo ngamaChi. Bahle ngentaba behlisa uMzimkhulu bema ngomlambo lowo. AmaChi namaXolo emi eHarding kumhlaba waseNatala, ezinye izizwe ziseMbizana, iZilangwe namaNgutyana namaNtshangase, zada izizwe zaya kuma ngolwandle. Zihle ngexesha lokuchithakala kwezizwe eNtla.

Aba ke kuthiwa xa bethuthwa: Manci, Khonde, Mjoli, Msuthu, Wabane, Tyani bude bongamele iziziba; Bhekiso, Mbali, Mdludla, Zotsho, Fumba, Cabane, Qholosha, Diko, Ntonga zakuloMhatane wakuloManci, KuloSitshaka, Mzukulwana kaMbityana. Oondlov’ edl’ igoduka, Oodludl’ amathambek’ ebhek’ eThukela, Ootshitshis’ iintaba, Qholo zinde zinemiqala, Engenamqala sisilima, Amabandla kaMaqolo, Amaqolo engqel’ ezintabeni, KaThint’ utshaba kaWabane, Abant’abamikhont’emangxangxa, Wangxibis’ukwembatha, Zinemiqala noludla, Wawa lo mthi wajongis’oThukela!

Enye yeenkosi zomthonyama zesi sizwe sakwaManci esiyifumeneyo nguKetani Diko. Iphephandaba laseMthatha ‘Umthunywa’ lomhla wesi-5 kwinyanga kaDisemba 1953 labhala ngomngcwabo wenkosi yaManci eMnceba. Lahambisa lathi: “Ngomhla we 31st November, ibisisihikahika somngcwabo wenkosi yaManci uKetani Diko unyana kaQipu isilulami somfo. Ubhubhe xa ane-87 iminyaka yobudala.

Loo mngcwabo ube wonganyelwe nguMlu. uRev. E. Baqwa iNtsumpa ye Circiut yaseMnceba. KwelaManci kudilike umthi wokuphumla iintsizana zehlabathi. Lo mfo ebewulima umbona, andithethi ngeenkomo, gusha, imali, ebenceda abantu.”

Phakathi kwabantu ababengoovulindlela kwinkonzo yobugqirha eMzantsi Afrika kukho nomfo wakwaManci onguGqirha Francis Lucas Vakatha November.

Sakukhumbula ukuba isizwe sakuthi esiNtsundu mandulo phambili phaya sasithembele ekunyangeni izifo ezazixake intlalo yoluntu kumagqirha namaxhwele, izinto ezazisaziwa ngokunyanga imibane nokududuma kwamazulu; izinto ezazisaziwa ngokunyanga nokunethisa imvula; izinto ezaziphatha iitasi nezitofile, apho kwakuphethwe ofezela, ooqokweni noqongqothwane, oonomathotholo, oomhlabedlula nomnqwazemfene novendle.

Iphephandaba leendaba ‘Umthunywa’ womnyaka wowe-1962 lamchaza ngolu hlobo uGqirha F.L.V. November: “UGqirha Francis Lucas Vakatha November usishiye ngomhla we-11 November 1962. Wazalwa ngomhla wama-27 kuMeyi umnyaka -127 ezalelwa eHeshele. Ixesha lakhe lobuntwana elininzi ulichithe noninakhulu eKlipfontein apho wafunda khona indlela ekwenziwa ngayo utywala besiXhosa.

Kucacile ukuba ubenengqondo ekrelekrele kakhulu, kodwa ke ngenxa yokuba abazali bakhe bebengamahlwempu, kwakufuneka afumane I “busary” ukuze agqibezele ngayo izifundo zakhe zeJC. Kwangoko ngonyaka ka1950 waya kusebenza kwimigodi yaseCity Deep, eGoli ukuze abhatale imfundo yakhe. Ngenxa yomsebenzi wakhe omhle nokunyaniseka kwakhe, waphathiswa elo qela wayesebenza nalo.

Umke eCity Deep ngonyaka ka1951 waya kuba ngumgcini-zigulane kwisibhedlele saseConsolidated Main Reef Mines. Nalapho eWest Rand apho wasebenza kumsiki wezitandi khona. Usebenze apho unyaka wamnye.

Ukuphuma kwakhe eWest Rand waya kusebenza kumasipalathi waseBenoni. Waba ngumntu wokuqala apho ukwenza utywala besiXhosa ngeyona ndlela iphucukileyo, kwaye waba nenxaxheba enkulu ekwenzeni kuvulwe iholo yotywala besiXhosa apho eBenoni. Nguye owayeyiNgqonyela apho. Loo msebenzi wayewenza apho nguwona wawusanelisa ngemali ngaphezulu kwayo yonke awathi wayenza ngaphambili konyaka ka1954.

Apha eBenoni wayeyimbethi manqindi umdlali webhola ekhatywayo, intenetya kunye nekilikithi. Wayenomdla kakhulu kuwo wonke umdlalo, enezihlobo ezininzi ezazimthanda ngokungazenzisiyo.

Ngonyaka ka1952 watshata noNkosazana uBabara Ngxumza, waza waya kufunda kwiYunivesiti yaseFort Hare ngo-1953.

Ubugqirha ubufundele kwisikolo soogqirha esiseWentworth, eThekwini, waza wathabatha i“Housemanship” kwisibhedlele iMcCord Zulu Hospital.

Uye eWentworth ngo-1954. Apho wazibalula ngobukhali bengqondo, umdla emidlalweni nangomculo wakhe omnandi Kunene. Wayedlala kakhulu ipiyano, kangangokuba wayemenywa njalo kwimigcobo apho ukuba aye kubadlalela.

Ubelilungu leCawe yaseTshetshi kwaye ngoko wayefunda eMthwaku wayeyi “server.” Uke waxilonga njengoGqirha, nangona impilo ibingentlanga, ingalo yasekunene nomlenze wayengasekhohlo bezingasasebenzi. Nangona kunjalo uphangele, kuba eyona njongo yakhe apha njongo yakhe apha ebomini ibikukuba nguGqirha onceda abantu.

Umfi ushiya inkosikazi intombi yakwaDwanya eMiddledrift, uMaChisani nabantwana abane abancinane kakhulu. Usweleke eminyaka ingama-34.

Oogqirha ababekho emngcwabeni wakhe ngaba: Mahlangeni, Bikitsha (Mrs Mahlangeni), Nonkwelo, Pupuma, Petheni, Bala, Mbekeni, kunye noGqr. Nxumalo ovela eThekwini.”