Isiduko samaNtambo kwilizwe laseZimbabwe

makhe sabelane ngenkcubeko yesizwe samaNtambo aseZimbabwe. Ngomnyaka wowe-1890 uMnu. Cecil John Rhodes wathabatha amaXhosa amaninzi omlibo wamaMfengu esiya nawo eZimbabwe, ekwakusithiwa yiRhodesia ngezo mini.

La madoda wayesiya kuwasebenzisa emigodini, ekuguquleni nasekuphuculeni abemi baseZimbabwe bangene kumba wengqobhoko nempucuko yaseNtshona.

Wathabatha amadoda neentsapho zawo ewathembise ukuwanika umhlaba kwindawo yaseMbembesi.

UMelusi M. Mpengesi ongumNtambo osisizukulwana samaXhosa awasiwa eZimbabwe ibali lamaNtambo aseZimbabwe ulichube wathi: “Le mbali yonke ndiza kuthetha ngayo ishicilelwe ziingwevu zaseMaNtanjeni zonke zidibene, ootata uThembile, uMnikeni ekukwathiwa nguBlom, uGalelekile, uDolama, uBongile, uNzeleni, uBonginkosi, uThobile ekukwathiwa nguSbonda kunye neengwevu zaseKoloni uMbeko, uNicholas kunye noLufefe. Le mbali ibhalwe ndim uMelusi.

UMelusi ke yena uzalwa nguGalelekile, uGalelekile uzalwa nguMaxin, uMaxin uzalwa nguMishini, uMishini uzalwa nguMgweza, uMgweza yena uzalwa nguGwanya, uGwanya yena uzalwa nguMpengesi, uMpengesi yena uzalwa nguMdlazi, uMdlazi uzalwa nguSozozo. OomNtambo ke babongwa bathiwe: Mntambo, Ntethe, Maphanga, Sukela, Jiyani, Mbhandeni, Gabada, Novetshe, Nomawoqo, Abantu baseMbo, Ngubo ayinyathelwa, Inyathelwa ngabayithandayo! USozozo ke yena wazala uMdlazi, uMdlazi ke yena wazala oonyana abathandathu.

Naba ke oonyana bakhe, unyana wokuqala nguNdema; uNdema walekelwa nguVokwana, uVokwana alekelwe nguMpengesi, uMpengesi alekelwe nguQoboka, uQoboka alekelwe nguMaqungu, uMaqungu alekelwe nguDingiswayo.

Unyana wesithathu kuMdlazi uMpengesi wazeka abafazi ababini; umfazi wokuqala yintombi yaseNtsitho uMamThembu; umfazi wesibini kaMpengesi yintombi yaseQwiliqwili egama linguMaTyani. Umfazi wokuqala kaMpengesi uMamThembu wamzalela oonyana abane. Naba oonyana bakaMpengesi kuMamThembu. Owokuqala nguFutshane, emva koFutshane kuze uMadangatye, uMadangatye alekelwe nguLwangaye, owokugqibela oza emva koLwangaye nguTshemisi. Lo nyana kaMpengesi unguFutshane wabhubha engekabi nankosikazi esengumfana, wafela emfazweni. Unyana wesibini kaMpengesi uMadangatya yena wazeka abafazi abahlanu. Nguye ke lo onesizalo esandileyo eMpuma-Koloni. Ndibala koMthatha, Ngcobo, Ngqamakhwe, Tsomo, Port St Johns, Libode, Gcuwa, Dutywa nezinye iindawo.

Inintsi labantu bakwaMpengesi baphuma kwesi sizalo sikaMadangatya. Bekwakho ke nabo benzalo kaLwangaye nabo bakaTshemisi.

UMaTyani umfazi wesibini kaMpengesi wamzalela oonyana abathathu. Naba ke oonyana bakaMpengesi; izibulo nguGwanya; eziwe nguBhidli; owamagqibelo ibe nguZwinye. Aboonyana bakaMpengesi bobathathu, bafuduka bobathathu neentsapho zabo bayawuwela eMatshona eRhodeshiya ngonyaka ka1900.

Basuka bobathathu uGwanya, Bhidli noZwinye, kodwa bayofika sebebabini uGwanya noZwinye. UBhidli ke akafikanga wasweleka endleleni. Kwayokufika unyana wakhe uNtakumba. Bafuduka besuka emaNtanjeni kwilali ekuthiwa kuBhongithole eNgqamakhwe. Kulapho kukhona iinkaba zookhokho, kulapho kusuka khona inintsi lamaNtambo. Kulapho akhona amadlaka ookhokho bethu ooMpengesi. Kwakuyo loo minyaka yowe-1900, amanye amaNtambo afuduka awela umlambo omkhulu ekuthiwa yiTsomo, baya kwakha kwilali ekuthiwa yiMbulukhweza, abanye eMbulu eTsomo.

Kulapho kukho amanye amaNtambo akwaMpengesi eTsomo. UGwanya unyana omdala kaMpengesi wazeka abafazi abathathu.

Owokuqala nguMaLitshaba, owesibini nguMamNtlwane, owesithathu nguMamTolo. UMaLitshaba umfazi omdala kaGwanya wazala uMgweza. UMgweza ke yena wazala uRhalayi, noNqawe noNjanjula ebazala kuMaGaba. uMgweba wabe wazala uMhlola ekwaziwa ngokuba nguMission emzala kuMaXimba.

URhalayi yena wazala uNomagcobo, noNomthiwakhe, noNdinga, noNkazana, noMzameni, noDaniel, noNonhinhi noMsuthu. Bonke ebazala kuMaMpinga.

URhalayi yena wabe wazala uNtombizodwa, noDubekile, noTozanana, noNomqophiso, aba ebazala kuMaDlamini. UNjanjula wazala uManduma noNtombembi ebazala kuMaNguta.

UMhlola unyana kaMgweza wazala uMaxin, noVokonqwane noSindeka. Aba ke ebazala kuMamaSango. UGwanya wabe wazala uKhethani, noNikiwe noNophuthwana, noNondala noNtloko. Aba ebazala kuMamNtlwane.

UKhethani ke yena wazala uMayikweni, noMadakana, noChafteni, noMbalekwa. Aba ke ebazala kuMaKhuboni. UKhethani wabe wazala uNtonisa, noBhadile, noToma, noVuyiswa, noPhilemon, ebazala kuMaMaduna. UNtloko yena wazala uNozililo, noLambhathi, noMadonki, noSniki, noSipho, noNise, noYivani, noLulama noNtlanga, ebazala kumaMasoka.

UGwanya wabe wazala uMbulunga kuMamTolo. UMbulunga yena wazala uMagoqwana, noNomkhothani, noPhathiwe, noBrown, noKhaliyoni, noNdindi noNhuzu, noNgcondo ebazala kuMaMiya.

UMbulunga wabe wazala uKlem, uNtsali, uNomalanga, uMgudu noNqithi ebazala kuMaNdlangisa. UBhidli yena wasweleka eKoloni, kweza oonyana bakhe abathathu. Naba ke oonyana bakaBhidli: nguNtakumba, noMnyamana noJadezweni. Unyana omkhulu kaBhidli nguNtakumba.

UNtakumba uzal’ uMgwetyelwa emzala kuMamMsitho. Wabe wazala uBongani, noMakhaphela, noSgonqo, noMafethu, noVotiwe, noNozitshotsho noNqokothwana. UBhidli wabe wazala uMnyamana okwabizwa ngokuba nguBhavu ngoMaTenza.

UMnyamana wazala uNomaqhinga, noFatman okwaziwa ngokuba nguMisheiki, noNonhinhise, noWanana, noVuyisile, ebazala kuNonkinqa uMaNyawuza intombi kaKelly. UJadezweni unyana kaBhidli yena wazala uMoliyathi, noMafutha, noAbson, noMarhenyana, noHariyethi, noChristina, noGqirhana, noLeneki, noVayina, noVumba noStete.

UZwinye yena wazala uZothani kuMaRhadebe. UZothani wazala uMkhangeli kuMaDlamini, uZothani wabe wazala uMabholoda, noMankazana, noThethi, noNgubenyathi noLoyi ebazala kuMagaba. UZothani wabe wazala uShumi, noNombuyiselo, noNomalanga, noNobelungu, noCokiswa noMbandeni.

UZothani wabe wazala uJamani noKholeka kumaRhadebe. uJamani yena wazala uMasotsha, noNdabazakhe, noNkululeko, noMoses, noZwelinzima, noFezile, noBuyelwa, noNomhiki, noNomini, noNomgqibelo. UZwinye wabe wazala uXhala noNkomo.

UXhala yena wazala uBhotani okwaziwa ngokuba nguRobert, noMangile, noHletyiwe, noNomasiso, noKali, noMjedu. uZwinye ke yena wafika gxada nje apha eMatshona, wabe wabuyela eKoloni. Kulapho ingcwaba lakhe likhoyo kuBhongithole eNgqamakhwe.

UNkomo yena wazala uNomgqumshelo, noNomtshotsho, noNomtshato, noNontlupheko, noMthunywa. Ayipheli apho ke le mbali kuba nathi siyazala sisiya phambili.