Isiduko samaTshatshu

AmaTshatshu ngabaThembu azalwa nguDlomo. UDlomo uzele uHala inkulu noMawusi ukunene.

Umgca womnombo wamaTshatshu xa silandela ubukhosi bawo siwulanda ezantsi kuThembu oyinzalamzi yabaThembu uhamba ngolu hlobo: UThembu uzala uBhomoyi, uBhomoyi uzala uDunakazi, uDunakazi uzala uCedume, uCedume uzala uToyi, uToyi uzala uNtande, uNtande uzala uMguti, uMguti uzala uNxeko, uNxeko uzala uHlanga noDlomo, uDlomo uzala uHala endlunkulu aze ekunene azale uMawusi.

Inzala yendlu kaMawusi: UMawusi uzala uThukwa, uThukwa azale uXhoba; uXhoba azale uTshatshu nowaziwa ngegama lesikhahlelo elithi Mvangxeni, uTshatshu (uMvangxeni) azale uBawana endlunkulu, waze ekunene wazala uChungwa.

Inzala yendlu kaBawana: UBawana wazala uMaphasa, uMaphasa wazala uGungubele kunye noBhishophu kunye noSomana, uGungubele azale uGcuwa, uGcuwa azale uSobantu kunye noDabulamanzi noZwelihle.

USobantu azale uJongulundi kunye noBangizulu noDumelisuthu noRashiya.

UBhishophu unyana wesibini kaMaphasa wazala uSikhwenene noBonakele noPikoko noNkcazelo noMgodi.

Inzala yendlu kaChungwa: Xa silandela indlu kaChungwa ekukunene kukaTshatshu: uChungwa uzala uVezi, uVezi wazala endlunkulu uSibango, waze ekunene wazala uMadolo, waze kwiqadi lendlu enkulu wazala uSiqwembu, waze wazala uKatsi kumfazi wesine owayefanele ukuba liqadi lasekunene, kodwa ngenxa yokuba kungekho mfazi wesihlanu, lo mfazi wabekwa kwindlu yasexhibeni. UKatsi wasexhibeni likaVezi wazala uNgubenyathi. UNgubenyathi ozala uRueben, uReuben wazala uSabelo.

USomana,V.A. kwincwadi yakhe ethi, “AmaTshatshu” xa simtolika kwindlela azobe ngayo umnombo wobukhosi bamaTshatshu uthi: “AmaTshatshu alisebe lendlu yasebukhosini yabaThembu. Basisizukulwana sikaNxeko ozalwa nguMguti, ozalwa nguNtande, ozalwa nguCedume, ozalwa nguDunakazi, ozalwa nguBhomoyi, ozalwa nguThembu. UNxeko wazala uDlomo; uDlomo wazala uHala kwindlu enkulu waze wazala uMawuse ekunene.

Lilonke amaTshatshu kukunene kukaDlomo. Umnombo kaTshatshu ukusuka kuDlomo uhamba ngolu hlobo: uDlomo uzele uMawuse, uMawuse uzala uThukwa; uThukwa uzala uXhoba; uXhoba uzala uTshatshu; uTshatshu uzala uBawana; uBawana uzala uMaphasa; uMaphasa uzala uGungubele; uGungubele uzala uGcuwa; uGcuwa uzala uSobantu; uSobantu uzala uJongulundi ophethe eGwatyu.

AmaTshatshu phantsi koMvangxeni unyana kaXhoba azibalula ngobugorha kwiMfazwe yabaThembu noRharhabe iKumkani yamaXhosa asekunene. Ngenxa yobugorha bakhe kuloo mfazwe uMvangxeni wabongwa kwathiwa, “UTshatshu olithafa,”. UMvangxeni uzala uBawana.”

Kwinqaku elaphuma kw ‘Indaba zaseTranskei’ kwekaTshazimpuzi, 1981 uNkosi uKaiser Daliwonga Matanzima amaTshatshu wawachaza ngolu hlobo xa kwakubekwa uNkosi uSobantu Gungubele Maphasa eGwatyu : “Ngokwesithethe amaTshatshu, namaNdungwane phantsi kukaNkosi uBawana ema kumhlaba ophakathi kweNciba emnyama neWinterberg, kwathi saa ukusuka eMbhashe neXonxa kwathi saa kwadibanisa nale ndawo iyiKomani idolophu, iHewu neKamastoni kwathi xhaxhe ngeKlipmaats umlambo neeNtaba zeStomberg.

Oku ke kuyangqinwa nguGqr. Bernard Kruger kwiincwadi zakhe zobuGqirha yaye uthi lo mhlaba ngokaMaphasa. Iimfazwe ezimbini zabangela ilahleko yokuba uMaphasa, inkosi yamaTshatshu aphelelwe bubukhosi.

Imfazwe yeZembe ngowe-1846 nekaMlanjeni ngowe-1850-53 yeyona mfazwe yabambi gqitha wada walahlekelwa ngumhlaba wakhe nobomi bakhe.

Eyona nto yongeza ububi, unyana kaMaphasa, uGungubele wagwetyelwa entolongweni. Ubomi bakhe babusele butshabalele njengento engazange ibekho.

UMaphasa, O.M. kUMthunywa, weyeThupha ngo-1989:5 uthi: “AmaTshatshu zezinye zeenkosi ezibalulekileyo kwaThembu intonayo besibambe umlomo ongezantsi xa singaveli ndawo kodwa siyazi into yokuba akhona amaTshatshu ebukhosini

Usapho lukaBawana lathi saa ngemfazwe zemida ekwathi emva kokubanjwa kukaNkosi uGcuwa noninakhulu wakhe inkosikazi kaNkosi uMaphasa bathiwa saa.

Unyana unkosi uGcuwa waya kubekwa kuChaba eNgcobo, waze uninakhulu wakhe waya kubekwa kuMakhwababa apho ingcwaba likaNkosi uGungubele likhoyo.

UNkosi uGungubele uthe ekubuyeni kwakhe eRobben Island apho wayedontsa khona waya kuMakhwababa elandela unina wakhe kuba esithi akanakuya emntwaneni kuChaba

YayinguNkosi uBawana owalayo xa amaNgesi enika yena uBungotya babaThembu wathi unaye umkhuluwa, wabasa kuNgubengcuka.

asekhona amadoda apha kwaTshatshu anjengoNkosi Jongisizwe Maphasa, Gcinisizwe Tshunungwa, Jongulundi Maphasa noNkosi Sobantu Maphasa ongoyena uyinkulu yamaTshatshu, nankuya eGwatyu.”

AmaTshatshu athiwa xa ebongwa: Izihlobo zikaTshatshu, KwaNgcombolo, KwaGorhathi, KwaTubhani, KwaMawusi, KwaTshatshelithafa. Amabandla akomkhulu kwaXhoba, KwaBawana, KwaThukwa, KwaQaqambashe. KwaSomagrongqololo, AbaThembu abade ababhuzubhuzu, Iinkomo zikaThembu lakhe, Iinkomo zikaBhomoyi,Inkomo zikaDunakazi, Iinkomo zikaCedume, Inkomo zikaToyi, Inkomo zikaNtande, Inkomo zikaMguti, Inkomo zikaNxego, NgabaNtonga zibomvu, Iintombi zonke, Mazinxibe iinkciyo ngantathu, Idabi layo lifikile, NgamaTshatshu lawo, Izinto eziqina ngokubhentselwa.

Izinto zakwaSikhinza kaVanqa, Izinto zamhla kukubi, Namhlanje dadethu andazi, Andenzanga nto, Ndikhulise inja, Ndayodla, Ndayinika ubuntu, Kodwa namhlanje dad’ethu, Ndityiwa yiyo. Madiba, Dlomo.

UMnu. Mpumelelo Tselele Alfred Makuliwe ngumbhali ophuma kwesi sizwe samaTshatshu.

Lo mfo wathi wazibalula ngokuvelisa inkqubo eyathabatha lonke ilizwe koonomathotholo, apho wathi wavelisa umba weziduko nebali lemvelaphi yabantu abaNtsundu.