Isiduko samaZengele

Aba bantu xa kunamhlanje ngamaHlubi, kodwa ke basuka kuMhuhu bayeyona ndlu indala evele phambi kokwakhiwa kwesizwe samaHlubi. USoga, J.H. (1914 : 402) uthi xa elanda umlibo wamaZengele: “ULudiwu uzele uSidwaba, ozala uLufelelwenja, ozala uMini, ozala uFlathelilanga, ozala uNguni, ozala uMzimkhulu, ozala uMasoka, ozala uMhuhu. UMhuhu azale oonyana abathathu, uZengele owokuqala, owesibini ibe nguMhlanga, owesithathu unyana nguBhele.

Xa silandela icala likaZengele, yena uzele uLinda, ozala uBuhlungu, ozala uNkomonde, ozala uMahlangabeza, ozala uThiyane, ozala uMwelase, ozala uZulu, ozala uMakhala, ozala uSogolana, ozala uDloyi. AmaZengele aqale ukwahlukana apha kuDloyi atsho anezindlu ezimbini.

UDloyi uzele onyana ababini, unyana omkhulu ibe ngoNgogo, waze owesibini yanguGobobo . UNgogo uzele uMahlanyana, ozala uMazula, ozala uDakana, ozala uMenzeli, ozala uWili.

Kwicala likaGobobo uzele uMcengi, ozala uNgayi, ozala uSinyeni, ozala uKoli.”

UKawa, R.T. kwincwadi yakhe ethi, ‘Ibali LamaMfengu’, usicaphulela uMnu J. Zengele olanda imbali nemvelaphi yamaZengele, uthi: “UMr. J. Zengele omi eDutywa uthi, “abakwaZengele yimiHlotsheni-Kwayi emaHlubini.

UMjengu ozala uZengele uzalwa nguRhadebe, waza ke yena wazala intombi eyathi ngenxa yobuhle bayo kwathiwa ayinakuzekwa ezizweni, mayizekwe ekhaya, kwaza kwarholwa inkomo yokubalula isibongo sobuRhadebe. Wahluka ngalo ndlela lo mlibo kaRhadebe.”

AmaZengele xa kunamhlanje azizindlu ezintathu: AmaZengele akwaThiyane, amaZengele akwaNkala; amaZengele akwaDunjana.

UNgqangweni, S.K. kwincwadi yakhe ethi, ‘Emqwashini’ uthi: “USiyongwana kwaNomaheya liZengele lakwaThiyane, uMaliza, noMtshakazi noMfecane eNgqushwa ngamaZengele akwaNkala, ooMabhija eQhugqwala ngamaZengele akwaDunjane. Ezinye iifani zabo ngoNgubelanga noZengele.”

Ezi zindlu zamaZengele ndizidwelise ngasentla kuthiwa sele zitshatana xa kunamhlanje, indlu yamaZengele akwaNkala; indlu yamaZengele akwaThiyane; indlu yamaZengele akwaDunjane, zonke ezi zindlu ziyendiselana.

Kubantu abazibalulelyo bakwaZengele: intombi kaIsaac Ngozwana egama linguPhumla neyaba kwiqela lokuqala le ntombi ezafumana isidanga eFort Hare, nguZengele isibongo sayo.

UPhumla lo wabonwa lisoka lase-Uganda nalapho wathi walilungu lepalamente kwelo lizwe lokwenda kwakhe. Kwakhona nombhali wesiXhosa uMnu. Siyongwana obhale Ubulumko bezinja ngowalo mlibo wamaZengele.

Omnye wababhali bodumo balo mzi wasemaZengeleni nguGqirha Archibald Campbell Jordan owazalelwa kuTsolo kwilali yaseMbokothwana ngowe-1906. Wafumana imfundo yesidanga eFort Hare naseUNISA, nakwiDyunivesiti yaseKapa apho wafumana khona isidanga sobugqirha iPhD.

Emva kwalo mfundo wasebenza njengetitshala. Wakhe waba ngumhlohli kwiCandelo lesiNtu eFort Hare nakwiDyunivesuti yaseKapa. Uhlohlile naphesheya kwelamaMelika kwiDyunivesiti yaseCalifornia. Wasweleka ngowe-1968 sel’engumhlohli kwalapho eMelika kwiDyunivesiti yaseWisconsin nalapho wangcwatyelwa khona.

UGqirha A.C. Jordan ubhale ezi ncwadi zesiXhosa zilandelayo: NIngqumbo Yeminyanya (1940) neyesibini ethi, Kwezo Mpindo ZeTsitsa.

Omnye wabantu ababalulekileyo kuloo mzi wakwaZengele yintombi egama linguPumla Ngozwana eyaba kwiqela lokuqala amathandathu ukuphumelela isidanga seB.A eFort Hare.

Iphephandaba laseMthatha ekuthiwa ngu ‘Umthunywa’ ngenyanga kaOktobha ngomhla wama-22 kumnyaka wowe-1955 lapapasha inqaku elithi, ‘UmAfrikakazi ePalamente’: “Intombi yomfi uMlu.I. Ngozwana owayesaziwa kweli laPhesheya kweNciba apho wayenguMfundisi wamaMethodi kwiSekethe ngeeSekethe zawo, nenguNkosz. Pumla Kisosonkole waseUganda, iwenzela udumo amaAfrika, ngakumbi aweli lizwe, ngokuba ibe ngumAfrikakazi wokuqala ukonyulelwa ubulungu basePalamente (Uganda Protectorate Legislative Council).

Le nkosikazi yayifunde eFort Hare yaza yafundisa eAdams College, eNatal iminyaka emithandathu. Idibene noMnu. Kisosonkole eQonce, bevana, batshata ngo1939, yahamba naye kwangoko ukuya kwelo laseUganda. Ebekade engumsebenzi wakwaRhulumente apho eUganda kwiSebe lezeNtlalo. Sithi mpilo-nde-ntle kwelo zwe lakho MaZengele.”

Enye yeembali ezathi zabankulu kulo mzi wakwaZengele, wakwaThiyane, wakwaJordan, yaba kukuba umzi wakwaJordan ooZengele bakuTsolo, utshatiselane nomzi wakwaNtantala emaSukwinini eDutywa.

Iphephandaba laseMthatha, Umthunywa ngomhla weshumi elinethoba ngowe-1940 lakhupha eli nqaku lalingesisihikahika somtshato singazanga sabonwa kwelaseDutywa: “EDuff, eDutywa ngomhla we-2nd January 1940, kumanywe ngeqhina lomtshato ongcwele nguRev. J. Mdlekeza, uMr. A.C. Jordan, B.A. wakuTsolo noPriscilla P. Nonkosi Ntantala, intombi yaseDuff.”

Emveni komtshato ibezizimuncumuncu nolwamkelo lweendwendwe nguMr. M.M. Balfour, ngokungabikho koC.K. Sakwe obemiselwe loo nto; itoast ngomyeni nomtshakazi yenziwe nguDr. Kerr waseFort Hare.

Uthe uDr. Kerr asiyonto iqhelekileyo ukutshatisa ingcaphephe nengcaphephekazi kubantu abaNtsundu, loo nto ibonisa ukuba ngale mihla ilanga liyaphuma nakumzi ooNtsundu.

Ugqirha lowo ubehamba noMiss Carmichael noonyana bakhe ababini. Itoast yendwendwe ithethelwe nguMr. Malgas ititshala yaseDuff.

Kuphunyiwe ecaweni kwasingwa “Ekuphumleni” igama lekhaya likaMr G. Ntantala. Iimoto zikroze zine yaququzela inkosikazi ngokwayo, intombi kaJumba isithi, “Kungabikho umkayo esithi ulambile engandixelelanga. Igusha ezine zihleli, kuphele imbiza zingaphekwanga. Bekuxhelwe ishumi elinane impahla emfutshane neenkomo ezimbini.”

UProf. A.C. Jordan waswelekela waze wangcwatyelwa eMelika apho wayesebenza khona njengomhlohli edyunivesiti.