Isidumbu besilwa ngethamo lebhiya kuCentane

INGXABANO evele emva kokungavisisani emgidini ngenxa yethambo lebhiya (beer) ikhokelele ekubhubheni kwendoda emva kokuhlatywa yenye kuCentane.

Isithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha uthi, le ndoda ihlatyiweyo inamashumi amane eminyaka.

UManatha uthi oku kwenzeke kwilali iKhantolo kuCentane ngoMgqibelo. Ingxabano ivele xa kubekwe le bhiya phantsi, kufuneka ivuliwe iselwe.

“Kuthe emva kokuba bengavisisani, indoda eneminyaka engamashumi amahlanu anesibini yakhupha imela yahlaba ixhoba, nekuye kwanyanzeleka ukuba lileqiswe esibhedlele eGcuwa,” utshilo uManatha.

Ixhoba, eligama linguMasixole Sonti, libhubhele apho esibhedlele. Umrhanelwa uye wabanjwa kwaye bekulindeleke ukuba avele enkundleni izolo.