Isidumbu bexabana ngemicinga yematshisi

AMAPOLISA akuCentane abambe avalela indoda eneminyaka engamashumi amane ananye kulandela ukuhlaba ibulale indoda enamashumi amabini anesihlanu emva kwengxabano ngemicinga yematshisi.

Isithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha uthi le ndoda ibuleweyo ihambe nomhlobo wayo baya kwikhaya lomrhanelwa kwilali yakuMcothama kuCentane beyokuncaza icuba (boxer).

“Balinikiwe icuba ze bahamba. Umrhanelwa ufumanise ukuba umfi uthathe nematshisi yakhe, ze waya kwikhaya lomfi eyokufuna imatshisi yakhe. Kuqhambuke ingxabano ngelo xesha ze umrhanelwa wakhupha imela yakhe wamhlaba wambulala ngoko nangoko,” utshilo uManatha.

Umrhanelwa uzinikele emapoliseni kwindawo yexhwayelo, bekulindeleke ukuba avele enkundleni namhlanje.