Isidumbu kudubulwano loonoteksi

UMphathiswa wezoThutho kweli phondo, uWeziwe Tikana-Gxothiwe, uzikhalimele kabukhali izenzo zobunqolobi ezithe gqolo ukwehla kweli phondo ezijolise kakhulu kwicandelo leeteksi, esithi ukuba umqhubi weteksi nokuba mnye akakhuselekanga, oko kuthetha ukuba wonke umntu akakhuselekanga.

UTikana-Gxothiwe ukuthetha oku emva kokuba amadoda amabini angaziwayo edubule abantu abathandathu bonzakala, ze kwabhubha wamnye ngorhatya lwangoLwesibini eMdantsane Highway kwirenki yezithuthi.

Ngaphambili kulo nyaka, uTikana-Gxothiwe, uMkomishinala uNjengele Nomthetheli Mene kwakunye neSANTACO kunye nabanikazi bezithuthi zikawonkewonke bebebambe indibano ngeenjongo zokuza nesisombululo sokulwa lo mkhwa wokubulalana kwale mibutho yezithuthi zikawonkewonke.

“Asoze silwamkele olu hlaselo lwenzekayo luqhubekeke kweli phondo. Sifuna oongqondongqondo bayo yonke le nto ithe gqolo ukwenzeka babanjwe bavalelwe ngapha kwezitshixo. Ngoba xa bengabanjwa oko kuthetha ukuba wonke umntu akakhuselekanga njengoko kuye kuchaphazeleke nabakhweli,” utshilo uTikana-Gxothiwe.

UMkomishinala uNjengele Nomthetheli Mene, naye usikhalimele esi senzo nalapho ayalele ukuba mabakhangelwe babanjwe kwangoko abenze oku kubantu abangenzanga nto.

“Asizukuphumla de babe bayabanjwa aba bahlasele abantu bengenzanga nto kuquka nabakhweli.”

Abahlanu basesibhedlele nalapho bafumana khona unyango. Amapolisa avule ityala ayaphanda. UBrigadier Tembinkosi Kinana ubongoza nabani na onokuba nolwazi ngaba barhanelwa babini eze ngaphambili njengoko kungekabanjwa mntu okwangoku.